‘UKelly akazange aqeshe iinkabi ukuba zibulale uSenzo,’ kutsho umninawa kaSenzo

Imvumi uKelly Khumalo nonozinti ongasekhoyo weBafana Bafana neOrlando Pirates, uSenzo Meyiwa.

Emva kwezityholo ezenziweyo kwimvumi uKelly Khumalo malunga nokubandakanyeka kwakhe ekubulaweni kobesakuba ngunozinti weBafana Bafana neOrlando Pirates, uSenzo Meyiwa, umninawa wale ndedeba engasekhoyo utyhola umcuphi ophethe eli tyala ngokuba lixoki nokubanobuqhophololo.

Oku kuza emva kokuba umcuphi wetyala uBrigadier Bongani Gininda engqinile ukuba ababini kubamangalelwa uMuzikawukhulelwa Sibiya noBongani Ntanzi batyhola uKhumalo njengowayalela ukuba babulale uMeyiwa.

UGininda ebenika ubungqina ngoLwesithathu kwinkundla ephakamileyo yaseGauteng ePitoli ngethuba kuchotshelwa ityala kuqinisekiswa ubunyani bezityholo ezenziwa nguSibiya noNtanzi.

Ethetha kudliwanondlebe olukhethekileyo ne-eNCA, uSifiso Meyiwa uzikhabile izityholo etyhola uGininda ngelithi uzikha entloko ezi zityholo ukuze akhusele iimfuno zakhe.

Umninawa kaSenzo Meyiwa, uSifiso Meyiwa.

“Ndizakuqhubeka ndiyithetha le nto de ingqinwe kuba sinobungqina. Ndiyamazi uGininda uyaxoka, yindlela asebenza ngayo le, abantu abaninzi abamazi uBrigadier Gininda. Ndiyamazi, ndiye ndawalandela amatyala akhe. Uyaxoka, uKelly akazange aqeshe abantu ukuba babulale uSenzo.

“Ndizakuhlala ndiyithetha le nto, umntu owabulala uSenzo ebekhona endlini kodwa lo mntu uyakhuselwa,” utshilo uSifiso umninawa kaSenzo.

Nangona kukho ubungqina obudibanisa uKelly nabanye babatyholwa ngokubulala uSenzo, uSifiso uthe akakakholelwa ukuba uyabandakanyeka, endaweni yoko, utyhola uGininda ngokutyala ubungqina kunye nokulawula ityala ngendlela afuna ngayo ukuze afumane iziphumo azinqwenelayo.

“Ndiyayazi indlela asebenza ngayo uGininda, laa ndoda iyingozi kakhulu kwaye inamaqhinga. UGininda unokuyilawula ngokulula ingqondo yakho,” utshilo.

USifiso uxelele lo msasazi ukuba usebenze kwisikhululo samapolisa iminyaka engaphaya kwamashumi amabini (20) kwaye uyiqhelile indlela abantu ababhatalelwe ukubulala abasebenza ngayo, kwaye indawo yexhwayelo apho uSenzo wabhubhela khona ayibonakali ngathi ngumsebenzi womntu othengiweyo.

“Akukho nkabi esebenzisa imbumbulu enye ukubulala umntu aqeshelwe ukumbulala. Ndikhe ndabona amatyala apho iinkabi zibulala abantu. Akukho nkabi ingena endlini isebenzise imbumbulu enye ukubulala umntu ingakumbi xa ihlawulwe imali.

“Nokuba ujonge abatyholwa, baziinkabi ezinamatyala angaphambili kwaye ukuba baya kwindawo ethile akukho mntu usala ephila, nabantwana bayabulawa,” utshilo.

Ukongeza, uSifiso utyhola umbuso ngokuba nobudlelwane noGininda nokungazami ukufuna ubulungisa ngokubhubha komntakwabo.

Enkundleni, omnye wabatyholwa, uNtanzi, ethethelwa ngummeli wakhe uthe uGininda wamthembisa izigidi ezithathu zeerandi (R3 million) ukuze enze ubungqina obuzokuqinisekisa ukubandakanyeka kwabantu abachanekileyo ekubulaweni kukaSenzo.

UGininda uye wakhanyela ukwenza isithembiso esinjalo.

Nangona kunjalo, uSifiso uxelele i-eNCA ukuba ukholelwa ukuba uGininda esenzile esi sithembiso.

“Baninzi abantu abathe bafumbathiswa ukuze bavume ukubulala uSenzo, omnye wabo wazama ukuvuma ityala phambi komantyi waseMgungundlovu nto leyo eyabangela ukuba umantyi amkhabela ngaphandle kwenkundla. Ngoko asiyonto intsha yokuva abantu bevuma ityala, yinto kudala isenzeka le,” utshilo uSifiso.

Uthe nangona bengakholelwa ukuba uKelly unento yokwenza nokubulawa kukaSenzo, kodwa bafuna athethe inyani.

“Nangona uSenzo wayetshatile, uKelly wayemthanda kwaye ebengasoze ambulale,” wongeze watsho.

Ufunge wabhambathisa ukuba logama esaphila, uzakufuna ubulungisa ade abe uyavalelwa entolongweni umenzi wobubi.

UMeyiwa wabulawa ngomhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyeDwarha ngo2014 etyelele imvumi uKelly owayethandana naye kwikhaya lakhe eVosloorus.

Endlini ngaloo mini kwakukho uKelly nodade wabo ongaphantsi kuye, uZandile, umama wakhe, uNtombi Khumalo (uMaKhumalo), uLongwe Twala, abahlobo bakaSenzo; uMthokozisi Thwala noTumelo Madlala; unyana kaKelly owayeneminyaka emine ubudala ngoko, uChristian, kunye noThingo intombi yakhe noSenzo.

Amadoda amahlanu – uSibiya, Ntanzi, Mthobisi Prince Mncube, Mthokoziseni Ziphozonke Maphisa, noFisokuhle Nkani Ntuli basenkundleni ngokubulala uSenzo.

Ityala liyaqhubeka ngoMvulo.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.