Ubanjiwe odlwengule intwazana yakhe

Kubanjwe indoda enama-33 eminyaka engutata (stepfather) kwintwazana eneshumi elinesixhenxe ayidlwengule ngomhla wesi-5 kule veki.

Oku kwenzeke kwilali yaseMcewula kumfula phantsi kwedolophu yakuGatyana emva kwentsimbi yesihlanu ngorhatya.

Iingxelo eziphuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha zithi, umrhanelwa unike intwazana yakhe iimali ukuba ayokuzithengela iiChips, emva koko wayibiza, eyitixela egumbini eyinyanzela ngelithi mayikhulule, wayidlwengula.

Umgrogrisile esithi angaxeleli namnye okanye uyakumbulala. Intwazana iye yachaza ngoku igrogrisiweyo.

Umrhanelwa uye wabanjwa ngoLwesithathu (08) ngamapolisa, ulindeleke avele phambi kweenkundla zamatyala kuGatyana.