Ubanjiwe owasetyhini onyanzele ibhotile kumalungu angasese entwazana

Icandelo lamapolisa elijongene nobundlobongela, ukukhuselwa kwabantwana kunye namatyala ezesondo ePotchefstroom, iPotchefstroom Family Violence, Child Protection and Sexual Offences (FCS) libambe owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38) ubudala ngeCawe, umhla wamashumi amabini anesine (24) kweyoMnga kule mpelaveki, ngokudlwengula eOudedorp ngaphandle kwasePotchefstroom.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uLieutenant Colonel Amanda Funani, umrhanelwa ubanjwe emva kokuba enyanzele ibhotile kumalungu angasese ale ntwazana eneminyaka elishumi elinesihlanu (15) ubudala.

Kutyholwa ukuba umrhanelwa nexhoba baye baxambulisana ngotywala kwaza kwabakho umlo. Emva kwesi sehlo, ixhoba lonzakele kakhulu laze langeniswa kwisibhedlele sasekuhlaleni.

Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi ePotchefstroom ngoLwesithathu, umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyoMnga kule veki.

UMkomishinala wePhondo loMntla Ntshona, uLieutenant General Sello Kwena wothukile sesi sehlo kwaye uyalele iFCS ukuba iyichase ibheyile kwaye iqinisekise ukuba ubulungisa buyenzeka.