Uyise nonyana babanjelwe ubusela bemfuyo

Utata (69) kunye nonyana (29) wakhe babanjwe kwingingqi yakwaMncwasa ngaphandle kwaseMqanduli, bebanjelwa ubusela bemfuyo. Ukubanjwa kwabo kusemva kwephulo lamapolisa ngeenzame zokunqanda ukubiwa kwemfuyo eyingxaki enkulu ekuhlaleni.

Aba barhanelwa babini bebenemfuyo ekurhaneleka ukuba ibiwe equka iigusha ezingamashumi amane anesibini (42) neebhokhwe ezisixhenxe (7), le mfuyo iqikelelwa kwiR50 400.

Abarhanelwa bakwafunyenwe benesixa semali esingachazwanga ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo.

“Iigusha ezisixhenxe zikwazile ukufaniswa ngabanini bazo ababini abathe baxela imfuyo yabo ebiweyo emapoliseni. Esi sibini sivelile kwinkundla kamantyi yaseMqanduli ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyoMnga ka2023 ngezityholo zobusela bemfuyo,” utshilo uMatyolo.

Amapolisa acela nabani na othe walahlekelwa okanye wabelwa imfuyo ukuba atyelele icandelo lomasipala waseMqanduli elijongene nemfuyo ngexesha lomsebenzi ukuze azokuhlola imfuyo kwezi ziyezafunyanwa ebezibiwe. Qinisekisa ukuba unaso isazisi saseMzantsi Afrika esinebhakhowudi kunye nekhadi lemfuyo.