Ubanjiwe utata owadlwengula waza wayimithisa intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo!

Amapolisa aseDennilton, eLimpopo, abambe indoda eneminyaka engamashumi amathathu anethoba (39) ubudala ngezityholo zokudlwengula intombi yayo eneminyaka elishumi elinesihlanu (15) ngokuphindaphindiweyo kwilali yaseMoteti kwisithili saseSekhukhune.

Kutyholwa ukuba utata waqala wayidlwengula le ntwazana kweyoKwindla ka2021, xa yayineminyaka elishumi elinesibini (12), yaze yakhulelwa le ntwazana.

Amapolisa athi isisu sokuqala sakhutshwa, kodwa umama wale ntwazana wayengazi. Le ntwazana ayizange iveze nakunina ukuba ikhulelwe.

Isisu sesibini naso siye sakhutshwa, ngokokutsho kwesithethi samapolisa aseLimpopo, uBrigadier Hlulani Mashaba.

“Kutyholwa ukuba umrhanelwa uqhubekile nokudlwengula intombi yakhe de intombi yaphinda yakhulelwa ngenyanga yeDwarha ka2023,” utshilo uMashaba.

“Kuthiwa isiganeko sokuqala saxelwa emapoliseni ze idokethi letyala lavulwa ngaphandle kokuchazwa komrhanelwa, kwaza kwavulwa elinye ityala kweyeDwarha ka2023 nalapho ixhoba ladiza intlungu yalo yokuba ladlwengulwa ngokuphindaphindiweyo nguyise ukusukela ngo2021.

“Lo mntwana uxelele amapolisa ukuba wayesoyika ukwazisa abezomthetho ukuba umrhanelwa ngutata wakhe omzalayo. Uqhube wathi wayengafuni ukudala iingxabano phakathi kwabazali bakhe,” utshilo uMashaba.

UMashaba uqhube wathi: “Amalungu eGroblersdal Family Violence, Child Protection and Sexual Offences athe agqogqa ngempumelelo amfumana umrhanelwa ze ambamba ngeCawe yomhla wamashumi amabini anesine (24) kweyoMnga ka2023. Uphando lokuqala luveze ukuba umrhanelwa uyayanyaniswa nawo omabini amatyala odlwengulo ngokweziphumo zeDNA.”

UMashaba uthi le ndoda kulindeleke ukuba ivele phambi kwenkundla yamatyala eMdutjana namhlanje ngoLwesithathu, ijongene namatyala amabini okudlwengula.

Kusenjalo, umkomishinala wamapolisa ephondweni eLimpopo, uLieutenant General Thembi Hadebe uvakalise ukudana ngezi “zenzo zokuziphatha kakubi”.

“Iyatyhafisa into yokuba utata ebandakanyeka ekudlwengulweni komntwana, umntwana oyintombi yakhe ngelo xesha. Amadoda afanele ukuba ngabakhuseli bawo abantwana kwaye angabanyanzeli kwizenzo ezinje,” utshilo uHadebe.