Koze kuse eGqeberha ne-Ebubeleni ngoMgqibelo!

Abantu bezonwabisa kumnyhadala obizwa ngokuba yiEbubeleni Festival. Umfanekiso: Facebook/Ebubeleni Festival

I-Ebubeleni Music Festival, iyabuya kwakhona kunyaka wayo weshumi elinesibini, kwibala iNelson Mandela Bay, eGqeberha, ngoMgqibelo, umhla we-30 kwinyanga kaDisemba.

Lo mnyhadala uza unomahlukho kulo nyaka, nalapho iimvumi zikhethwe zavotelwa ngabathandi nabaxhasi balo mnyhadala kumakhasi onxibelelwano.

Ukanti ababhexeshi bona ngoosaziwayo kwezolonwabo noonomathotholo beli. Bona ke baquka uSomizi Mhlongo, Mafa Bavuma (Umhlobo Wenene), Reggie Solani (Tru FM), kwakunye noMakaziwe Tsako (KQ FM).

“Ngalo mnyhadala senza imigudu yokuvuselela ulonwabo, namashishini ezokhenketho eGqeberha, nakwiphondo leMpuma Koloni,” utshilo uMarc Mahambehlala, ongumququzeleli walo mnyhadala.

Iimvumi ezizakutshila kweli qonga le Ebubeleni, ziquka uRingo Madlingozi, Amanda Black, Nathi Mankayi, DJ Tira, Dladla Mshunqisi, Mr. Thela, Sjava, Nkosazana, Loyiso, Azana, DJ Mörda Asante, Dumza Maswana, Butho Vuthela, Sleeze, Jooma, Zintle Kwaaiman, Thembi Mona, Bevin Samuels, nooDJ Amber, Dani, Exceedo, kwakunye noLuniq SA.

I-Ebubeleni Music Festival ixhaswa liSebe leSizwe leMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, uMasipala waseNelson Mandela Bay, i-Arhente yeePaki nezoKhenketho eMpuma Koloni, iBhunga leSizwe lobuGcisa, iSebe lezeMidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, Umhlobo Wenene FM, Tru FM, Mzansi Magic Music neNkqubela FM. Ukanti yona iMahambehlala Communications ngabasunguli nabavelisi be-Ebubeleni Festival.

Ayavulwa ke amasango eNelson Mandela Bay Stadium ngentsimbi yeshumi kusasa (10am), ize umnyhadala uqale emini maqanda (12pm). Ukanti, abavumelekanga abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo. Izixhobo ezibukhali kwanemipu nazo azivumelekanga kulo mnyhadala.

Kwabo ke bazithandayo izisu zabo, kuza kube kuthengiswa okusiwa phantsi kwempumlo kulo mnyhadala, ukanti abo bazofika beziphathele ezibandayo, ze baqiniseke ukuba izipholisi zabo (cooler box), zinawo amatikiti.

Amatikiti alo mnyhadala ayafumaneka ewebtickets, kwiivenkile zakwaPick n Pay kunye nezakwaBoxer, kwaye axabisa iR355 nangaphezulu.