Tyala itumato ngempumelelo mfama

Ixesha lasehlotyeni lixesha lokutyala itumato nezinye ke izityalo eziyimifuno. Imozulu ekhoyo ekhatshwa yimvula ingakumbi kwiindawo zeMpuma Koloni idala ithuba elihle lokuba amafama emifuno atyale itumato.

Amakhaya amaninzi asoloko esebenzisa itumato kwizidlo zabo zemihla ngemihla, ngoko ke kumele ukuba ityalwe ngokwaneleyo itumato.

Ezi zezinye zeendlela ezinokulandelwa ngamafama atyala itumato, ilithanda kakhulu ilanga logama ikwathanda nemvula eyaneleyo.

Khetha imbewu eyiyo

Ukukhetha imbewu efanelekileyo yeyona ndlela ikhokelela empumelelweni kumfama wetumato. Fumana ulwazi ngembewu efanele umhlaba wakho nemozulu yendawo ohlala kuyo.

Ezinye iimbewu azilungi kwezinye iindawo ngenxa yemozulu nohlobo lomhlaba olapho. Ukukhetha imbewu ehambelana nomhlaba wakho kungenza ukuba ufumane isivuno esihle esakwenza ukuba ukwazi ukwenza imali ngetumato yakho mfama.

Tyala itumato yakho kakuhle

Amaxesha amaninzi amafama atyala isityalo ngohlobo olungahambelani neso sityalo, oku kwenza ukuba singaqhubi kakuhle.

Itumato iqhuba ngempumelelo xa ityalwe kwiibhedi eziphakamileyo, ukuze ifumane umoya nelanga kangangokuba ilifuna. Kaloku itumato ilithanda kakhulu ilanga ukuze ihlale ifudumele ezingcanjini nase mzimbeni wayo.

Ukufakela iintongana zokuba ikhule ngokunyukela phezulu kuyinika amandla okuba inike isivuno esiso itumato yakho. Ngoko ke qinisekisa ukuba iyakwazi ukugwencela inyuke xa kufike eloxesha ekhuleni kwayo.

Isichumiso esifanelekileyo

Amaxesha amaninzi amafama ayathanda ukucinga ukuba itumato le ayidingi kunikwa zichumiso. Izidinga nje ngezinye izityalo izichumiso itumato, ngoko ke kumele ukuba uqinisekise ukuba unazo izichumisi ezifanelekileyo.

Kukho uluvo lokuba ukunkonkxa amagqabi webhanana emanzini kwenza isichumiso esiphambili. Kuthiwa xa utshiza itumato yakho rhoqo ngamanzi axutywe namaxolo etumato, oko kunika isivuno esihle mfama.

Sebenzisa isichumiso sakho ngendlela eyiyo nexesha eli lilo kwitumato yakho mfama. Ungasifaka isichumiso sakho kwiintsuku ezintlanu emva kokuba uthe wazityala ngokutsha izithole zakho zetumato. Ungasisebenzisa isichumiso sakho kabini okanye kathathu ngeveki emva koko de uqaphele ukukhula kwitumato yakho.

Nqanda izinambuzane

Ngenxa yokuba itumato iswiti kwezinye izinambuzane, ngoko ke kubalulekile ukuba ungawashiyi ngasemva amachiza anokunceda ukulwa ukutyiwa kwemveliso yakho zizinambuzane.

Kukho izinambuzane ezigqobhoza igaqa letumato xa liqala ukukhula, logama kukwakho ezo zitya amagqabi lingekaqalisi ukunika amagaqa igqabi letumato.

Yilwa ikhula

Ukufaka izichumisi kubangela ukutyeba komhlaba, okubangela ukuba kubelula ukukhula kwekhula phakathi kwetumato yakho mfama.

Ikhula elininzi lenza ukuba itumato yakho ingakwazi kukhula ngendlela eyiyo. Qinisekisa ukuba uyalisusa rhoqo ikhula phakathi kwezityalo zakho. Itumato lihomba elingadibani mpela nendawo engacocekanga.