Uceba ‘wonyanya ilindle’ ebantwini bakhe

UNikelwa Sponono ongumhlali waseDuncan Village okhala ngemeko embi ebangwa ngamanzi amdaka ami kwindlela ephambi kwekhaya lakheUmfanekiso: BHEKI RADEBE

ABAHLALI bakwisitalato iDunga eDuncan Village batyhola uceba wabo uNtombizandile Mhlola, besithi uthe akanakuya ngemoto yakhe kwisitalato esigcwele amanzi anelindle.

UNikelwa Siponono uthi yiminyaka ilishumi bephila impilo yokuphefumla ilindle elikumanzi axabe kwisitalato sabo, maxa wambi lingene ngaphakathi ezindlwini xa kuna imvula.

“Yiminyaka ilishumi sihlala intlalo embi ngolu hlobo. Ingxaki yalapha iqale mhla kwalungiswa le ndlela. Xa kuna imvula, onke amanzi eza apha endlini, ehamba nelindle.

“Emva kokuba sikhalazile, kwafakwa amatye kodwa akancedi nganto kuba amanzi eza endlini. Sihlala namanzi anuka ilindle, abangela izigulo. Siyakhohlela, abantwana bethu bayagula,” kutsho uSiponono.

“Kubantu abaphetheyo ndicela ukususwa kule ndlu kuba urhulumente wohlulekile. Uceba wethu (uNtombizandile Mhlola), ngethuba simfowunela ngoLwesihlanu kusina imvula, uthe akazukwazi ukumisa imoto yakhe kwesi sitalato sethu sinelindle,” utshilo uSiponono.

Omnye umhlali kwesi sitalato uJay Ntuli, uthe: “Isiphatha kakubi, qha ke asinakuyinceda, kuba kudala sikhalaza kodwa akukho mntu ude asiphendule. Yiminyaka iliqela sihleli le ntlalo imbi ngolu hlobo.”

USolly Malatsi, isithethi seDA esikwakwiKomiti yoHlaliso loLuntu ePalamente eKapa, uthi urhulumente weANC usilele ekuqwalaseleni iimfuno zoluntu lwaseDuncan Village.

“Yinto encinane le ixake iANC apha, ukuvulwa komngxunya wokuhambisa ilindle. Sibabhalele amatyeli ukuba baqwalasele le meko kodwa akukho kwanto abakhe bayenza.

“Siza kutyelela kule ndawo kwakho sizokuvula lo mngxunya welindle sandule ukucoca apha. Imbi intlalo abahleli phantsi kwayo abantu bale ndawo,” utshilo uMalatsi.

UMalatsi uthi baza kubamba indibano nekomiti yabo, ukuze barhwebeshe amatshantliziyo kwanooceba beDA kuyokucocwa eDuncan Village.

UMhlola uthi uyayazi imeko yesi sitalato kwaye uthethile necandelo elijongene nemibhobho yamanzi, ukuba liqwalasele imeko yesi sitalato. UMhlola uwaphikile amabango okuba akafuni kuya ngemoto kwesa sitalato.

“Andikwazi kuqhuba moto, xa ndiya phaya ndiyaqhutyelwa. Ewe bebefowunile bekhalaza ngamanzi kwaye nam ndiyayazi ingxaki yabo, futhi iza kulungiswa,” utshilo uMhlola.