UDema ugqejwe iR6000 nguMasingcwabane

Umam uSylvia Sotaka Dema ophulukene nemali yakhe kumasingcwabane womgunyathiUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Inkosikazi yaseMdantsane iphulukene nemali engaphaya kwamawaka amathandathu eerandi (R6 000) kulandela ukuhlawula imali kumasingcwabane ukusukela ekuqaleni kuka2015, kanti uhlawula kwinkampani engumgunyathi.

USylvia Sotaka Dema (69) wakwa-N.U. 14 eMdantsane uthi uqale ukuhlawula iR230 ngenyanga kwaForever Dignity Funeral Home ebikwidolophu yaseMonti.

UDema ebehlawula le mali kulo masingcwabane, ze ibhalwe phantsi encwadini. Xa I’solezwe lijonga iincwadi zakhe uqale ukuhlawula ngomhla wesibini kweyoMdumba ngo2015 de kwangumhla wesine kweyeSilimela kulo nyaka.

Uthe xa ephinda eyokujonga e-ofisini kutshanje, kuba efuna ukuphinda ahlawule, wagangwa liqhaga elikhulu.

“Ndithe xa ndifika ndiyohlawula ndafika kukho iqhaga elingange ntloko yam kwi-ofisi kaForever esedolophini ebendisoloko ndihlawula kuyo inyanga nenyanga. Ndabuza kwintombazana engakwi-ofisi le ukuba ‘kutheni kwakho iqhaga, baphi abantu?’ Ithe le ntombi kwemkiwa apho, kuvakala ukuba itshonile inkampani. Khange ndiphinde ndibenamazwi, ndiye ndafuna amanzi okusela kuba ndixakiwe,” utshilo uDema.

Uthi ebesoloko ehlawula kakuhle kweli khaya akakhange abone zimpawu zokuba yinkampani engumgunyathi le.

“Ndiphelele kwimali yendodla andiphangeli, bendisithi ndifuna ukuthi mhla kwafika usuku lobunzima usapho lwam lungasokoli lukwazi ukundingcwaba. Kwaye nomtshana wam endimfakileyo nanini kuye kungenzeka into kuba uhlala kwilokishi yaseZiphunzana enobundlobongela ngoku ndiza kuthini. Bendisoloko ndipholile ndizazi ndikhuselekile ndinendawo yam ezakundingcwaba,” ukutsho oku engcwenge iinyembezi.

UDema uthi intombazana ebisebenza kwikhaya eli uyizamile kumnxeba wayo kuba efuna ukuqonda ukuba bathuthelephi, kodwa ayikhange ifumaneke.

Lo mama uthi wayengamazi uForever Dignity Funeral Home, wacetyiswa ngutata akhonza naye enkonzweni.

UMbasa Voyi, ongumcebisi kwisigqeba seSouth African Funeral Practitioners Association (SAFPA) kuzwelonke, uthi kubuhlungu okwehlele uDema kwaye maninzi amaxhoba afana naye.

“Okubalulekileyo kukuba umntu ngamnye athathe uxanduva lokujonga kuqala ukuba ingaba lisemthethweni kusini na ikhaya elo afaka kulo imali. Masibekhona nesivumelwano kwaye ujongisise kuso ukuba loo nkampani inalo na igunya lokugcina imali,” utshilo uVoyi.

I’solezwe litsalele inenekazi ebelingunobhala eForever, elizibize njengoThabisa, odize ukuba naye uphoxeke kakhulu kwaye akananto nakwenza nokuzimela komphathi wakhe.

“Ndothuke nam xa ndifika kutshixiwe, ndisaxhelekile kuba abantu batsalela mna umnxeba bekhala – ndibe nam ulwazi ndingenalo. Ndibeyimfama nam ixesha elide kuba ibisele iyinyanga yesithathu ndingafumani mvuzo, ndinethemba lokuba ndiza kude ndihlawulwe,” utshilo uThabisa.

Nantsi inombolo apho unokuthi utsalele kuyo xa ufuna ukuqonda ukuba ingaba ikhaya ogcinisa kulo imali ligunyazisiwe na: 0800 11 0443 okanye: 0800 20 2087.