Ufuduselwa phi uK.Ci woMhlobo Wenene FM?

Lifikile ixesha lokugaleleka kwabasasazi bambi beteleka kwizikhululo ezininzi zosasazo ingakumbi unomathotholo.

Kule veki masijonge isikhululo sethu sesiXhosa -Umhlobo Wenene FM.

Abantu abaninzi sele beqalile ukubuzana ngamahum-hum avakalayo wokushiya kuka-Mthobeli “K.Ci” August kwinkqubo yakhe yasemva kwemini uMasigoduke.

Kwincoko besinayo nonokrawuzana wethu ungqinile ukuba: “Ngenene kunjalo, uK.Ci unikwe uphum’ aphele kuMasigoduke, usuku lwakhe lokugqibela njengombhexeshi wala nkqubo ngumhla we-31 kweyoKwindla 2017.”

Esizivileyo zezokuba indawo ka-K.Ci iza kuthatyathwa nguAmaza Ntshanga ehamba noZizo Tshwete ukususela ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi 2017.

Inkqubo yabo iza kuveliswa zizandla zikaReggie Solani.

Usakhumbula kwiminyaka elishumi eyadlulayo (2007) abaphulaphuli babelilela ukumka kuka-K.Ci owayekhutshwe ngosomvana kwesi sikhululo ngowayefudula engumphathi-sikhululo ngoko uNada Wotshela ngenxa ‘yokungathobeli imigaqo-nkqubo yesikhululo’.

UK.Ci waye wabuya ngoTshazimpuzi ka2012, emva kokungena kukaPhumzile Mnci njengomakhonya woMhlobo Wenene fm, ukanti kukwakho neendaba zokuba uMnci buqu uyasifulathela esi sikhululo ekupheleni kwale nyanga. Nangoko inkqubo ka-KCi yanikwa uAmaza Ntshanga.

Ngoku bazakuthini ngoK.Ci?

Obesincokolela uthe: “Kuvakala ngathi uK.Ci angasiwa kwiinkqubo zasebusuku zempelaveki.”

Kuza kufuneka sizilungiselele ubusuku bomjuxuzo noMa-Kay xa kunjalo, okanye mandithi ubusuku bentsini! Ikontrakti ka-K.Ci noMhlobo Wenene FM kuvakala ukuba iphelelwa kunyaka ka2018.

Kwakule nkqubo inye (Masigoduke) ekuzeni kuphela kuka2015, uMnci kwanyanzeleka enze utshintsho buphuthu-phuthu ngenxa yentsebenziswano eyayingekho ntle phakathi kuka-K.Ci noLuks Gidane ababe bhexesha la nkqubo. ULuks wafuduselwa kuSijikilanga njengomvelisi, kodwa emva kweenyanga ezimbalwa, uLuks wasifulathela esa sikhululo esiya kwiTruFM njengombhexeshi weAfternoon Drive.

Ukanti inkqubo uSijikilanga (SJL) nobesenziwa nguAmaza Ntshanga, uza kuthatyathwa nguSiphiwo Nzawumbi ehamba noZintle “Baby Zee” Mbusi – nkqubo leyo iza kuveliswa nguBongani Nqiqi, utshilo unokrawuzana.

Abaninzi bayakumkhumbula uNzawumbi kwinkqubo yeSABC 1 ethi ‘Yilungelo Lakho’.

IBreakfast Eyondlayo Ekuseni (BEE)? Yimani kancinane, sizakubuya nazo nanjengoko naye unokrawuzana bengekaqiniseki ngamarhe athe ndi wotshintsho kula nkqubo.

Okokugqibela, kuvakala ukuba uLali Tokwe, nongumsasazi weTruFM ufudukela kuMhlobo ukuyokwenza inkqubo ethi “Seza Umphefumlo” ngelixa ukuya kukaSthembele “Mantofo-ntofo” Thomas weTruFM kwesa sikhululo [Umhlobo] bekungekacaci nanjengoko singekafumani lizwi elingqina ezi ndaba kuMhlobo Wenene FM. Kusenzinyana ukuba sifumane uMhlobo ukuze uphefumle ngako konke oku.

Sizindlebe zenu!