Ugwetywe iminyaka elishumi umama owabetha umntwana ngenxa yemali yeshibhini

Umama (28) ugwetywe iminyaka elishumi entolongweni emva kokuba ebethe ngokungenalusini intombi yakhe eneminyaka elishumi elinanye (11) ngenxa yemali yeshibhini.

Kuthiwa ngoNovemba ka2023 malunga nentsimbi yeshumi elinanye (11pm) ebusuku kwifama engaphandle kweVirginia, intwazana eneminyaka elishumi elinanye (11) ubudala yabalekela kwigumbi lokulala likatatomkhulu, ityhola ukuba umama wayo wayivusa ebusuku wayibetha ngentonga nebhanti. Wabethwa kuba etyholwa ngokuba imali yeshibhini kamama wakhe emva kokuba emshiye yedwa ukuze athengisele abantu utywala namacuba.

Utatomkhulu, ongutata kanina wesibini, wasa umntwana kumnini fama, ecela iyeza leentlungu. Ngenxa yobuzaza bomonzakalo walo mntwana bathathe isigqibo sokumsa kwisikhululo samapolisa nasesibhedlele, itsho ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa eFreyistata, uSajini Mahlomola Kareli.

Kwavulwa ityala lokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa, laze elo tyala ladluliselwa kuSajini Moleboheng Molete wecandelo elijongene nobundlobongela kusapho, ukukhuselwa kwabantwana, kwanezolwaphulo mthetho ngokwesondo eThabong. Emva koko lo mama wabanjwa.

Wavela kwiNkundla yeNgingqi yaseVirginia waza wagwetywa iminyaka elishumi entolongweni ngokubetha intombi yakhe. Intwazana ihlala kwaye ihoywa ngumakhulu notatomkhulu wayo.