USteve Komphela ngumqeqeshi omtsha weGolden Arrows

Umqeqeshi omtsha weGolden Arrows uSteve Komphela. UMFANEKISO: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

USteve Komphela uchongwe njengomqeqeshi weGolden Arrows njengoko iqela lijonge ukutshintsha isizini yalo emva kokungaqhubi kakuhle.

“ILamontville Golden Arrows yamkela umqeqeshi uSteve Komphela, onembali neqela, kwaye uyazazi iinqobo nenkcubeko yeqela,” litshilo eli qela kumakhasi onxibelelwano.

“Sijonge phambili kulwazi kunye nesikhokhelo sakhe njengoko sifuna ukugqibezela isizini kakuhle. Siyakwamkela kwakhona Steve,” itshilo iGolden Arrows.

KwiArrows, uKomphela kulindeleke ukuba akhokele iqela lophuhliso lwabadlali beqela, itechnical team ngelasemzini, eliquka uKhenyeza othotyiweyo kwisikhundla njengomqeqeshi noMusa Bilankulu.

Umsebenzi wokuqala kaKomphela uzakuba seLimpopo njengoko iqela lakhe liza kuqubisana nePolokwane City, apho azakube enethemba lokungahli kwiDStv Premiership. Ngethamsanqa iqela, nangona liphulukene nemidlalo elithoba ilandelelana kwiligi, lisahleli kufutshane neTop 8.

UKomphela ebephelelwe ngumsebenzi emva kokuba eyekiswe yiMoroka Swallows kwinyanga ephelileyo. Ngaphandle kweGolden Arrows, uKomphela ebekhe waqeqesha amanye amaqela aquka iMaritzburg United, iKaizer Chiefs, iBloemfontein Celtic neFree State Stars.

Umsebenzi wakhe wokugqibela okwinqanaba eliphezulu kuxa eyinxalenye yabaqeqeshi abathathu noRhulani Mokwena noManqoba Mngqithi kwiMamelodi Sundowns.