Ukhalela ixesha lakhe umsasazi

Phozisa Noba

Umsasazi weendaba osaze ngobuso elizweni ukhalela ixesha awadlala ngalo ekukhuleni kwakhe nalapho abazali bakhe babemnqwanqwadela ihambo entle suka yena wakhetha emsa kwantliziyondise.

Ezityand’igila kwintatheli yeli phephandaba, uPhozisa Noba (32) oxelenga kwisikhululo iNkqubela FM ezinze eBhayi, uthe ukhuliswe ngoomakhulu bakhe eGcuwa engowesibini kubantwana abathathu.

“ Ndikhuliswa ngumakhulu notatomkhulu kuba umama wayeseRhawutini. Ndikhule kamnandi kwikhaya elalingadingi kuba umama wayephangela kwaye eqinisekisa ukuba sifumana ikamva eliqaqambileyo,” uqalisa atsho uPhozisa.

Kuthe ngowe2005 xa eminyaka ili-17 waqalisa ukuhiliza ephuma endleleni apho adibene nezihlobo ezamkhokelela esitratweni nakwintselotywala, ezishiya kwelokulibala iincwadi zakhe.

“ Lo nto yabenza abazali bam ukuba baqalise ukundibetha kodwa umakhulu wayendithethelela ngethemba lokuba ndiza kutshintsha kodwa zange kubekho tshintsho tu kwaphela,” utshilo lo msasazi.

Wayeka ukufunda wagqotsa ukuya eRhawutini apho ehlangene nonina owayesele enexhala yimeko yakhe.

“ Kuba wayecinga ukuba ndiza kutshintsha umama, wazama ukundithethisa endikhusela kumaxhalanga alapho, kodwa nje emva kweminyaka emibini ndawela ezandleni zikalova owandenza ndakhulelwa,” utsho ebukhathazeka uPhozisa.

Emva koko wahlalisana nale ndoda kodwa emva kwempathogadalala waqonda makayishiye.

Wabuyela kumama wakhe owamenza wazinza, waze wacinga nangokubuyela esikolweni nalapho kwaye kwabanzima kuye kuba umama wakhe wayesehlutshwa yimpilo.

Wafunga ukuba uza kuziqhuba nezifundo zakhe.

“Zange kube lula kwaphela ukuqala kwam ngoba ndandingenayo nenjani impahla yesikolo, apho kwaye kwanyanzeleka ukuba ndingene ilokishi ndihambe ndicela ezindala kwabo sele begqibile,” utshilo.

Emva koko umama wakhe esikwa yinimba umthengele impahla entsha waze wabuyela kwibanga lesibhozo eminyaka ingama22.

“Ndaye ndafunda kuloo meko yokuba ngumama emntwaneni wam ndiphinde ndibe ngumntwana wesikolo,” ucacisa atsho.

Utyhale phantsi kwezo meko wade wabhungca nesatifeketi sebanga leshumi ngowe2012. Emva kokungafumani sikolo kwanyanzeleka ukuba asebenze emakhitshini apho ebesamkela iR35 ngosuku. Uye eDutywa apho afunde eKing Hintsa TVET College de waphumelela. Kungoku nje wenza uqeqesho lobuntatheli eNkqubela FM eBhayi, kwaye ujonge ukuba yenye yeentatheli ezibalaseleyo.