Ukhuphiswano: Kumkani FM Local Music Awards

Sizakubamba umsitho wesithathu wokunikezela ngeembasa kwiimvumi zephondo leMpuma Koloni isikhululo sosasazo iKumkani FM nesizinze eScenery Park, eMonti kule mpelaveki.

Lo msitho uzakuqhuba ngoMgqibelo umhla wesithathu kweyoMnga eCity Life Church, eQuigney ngentsimbi yesihlanu malanga.

Ukanti kuluhlu lwabo kulindeleke bawongwe kukho iBest New Comer, Best Traditional Gospel Song, Best Hip Hop Song kunye neBest Loyal Listener. UMfundo Mtutu, nowongamele iintengiso kwesi sikhululo, uthi ukuthengwa kwamatikiti kusahamba kakuhle, ukwacebise nokuba abo basawafunayo ayafumaneka eComputicket.

Ukanti amatikiti axabisa iR100 (General) kunye neR120 (VIP). Thina kweli phepha siphisa ngamatikiti amane.

Sixelele ukuba ngubani onokunqwenela ukumbona ephumelela kuluhlu lweBest Traditional Gospel okanye lweBest Hip Hop. Thumela impendulo yakho ngoWhatsapp ku 063 743 9538 okanye nge imeyili ku isibhalo@inl.co.za