Ukubhubha kukaStofile yilahleko kwisizwe – Masualle

Inkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle kwinkonzo yesikhumbuzo sika Mfundisi Makhenkesi Stofile UPhumulo Masualle inkulumbuso ethetha kwinkonzo yokukhumbula ubomi bukaMfudisi Makhenkesi Stofile, ebanjelwe eMonti umfanekiso: Michael Pinyana

INKULUMBUSO yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle uthi ukubhubha kobesakuba
yiNkulumbuso uMfundisi Makhenkesi Stofile (71) yilahleko engathethekiyo
kwilizwe loMzantsi Afrika.

UMasualle ebethetha kwityalike iChristian Centre eAbbotsford eMonti apho
iphondo belibambe khona inkonzo yesikhumbuzo kaStofile. UStofile ubhubhele
kwikhaya lakhe eDikeni ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga emva kwengulo
engephi. Ebeyingqonyela yaseFort Hare ngethuba ebhubha.

Phakathi kweendwalutho ezithe zazimasa inkonzo yakhe yesikhumbuzo
singabalula abahlobo bakhe – uCharles Nqakula, Njingalwazi Shepherd Mayatula
noMcebisi Jonas- uNkosi Ngangomhlaba Matanzima, uGqirha Mvuyo Tom waseFort
Hare, obesakuba ngumphathiswa uNgconde Balfour, ukubala nje abambalwa.

UMasualle uthi uStofile ebelithandazwe elichithe ubomi balo lisilwela
impilo engcono kubanye. “Ebeyithanda kakhulu imfundo, futhi ndiqinisekile ukuba
ebengayithandi imeko yezemfundo iphondo lethu elizifumana likuyo,” kutsho
uMasualle.

 Isithethi emva kwesinye sichaze uStofile njengomntu obeyimele inyaniso.
“Abantu abasenentsobi yeANC makhe badibane bucala bazame ukulungisa lo mbutho
kuba izinto azintlanga,” utshilo uMatanzima.

UStofile ubeyiNkulumbuso eMpuma Koloni phakathi ko1997 no2004. Ngo2004
ukuya ku2010, uStofile ebengumphathiswa wezemidlalo kuzwelonke. Ukhe
wangunozakuzaku woMzantsi Afrika eJamani. Ubhubha esandula ukutyunjwa
njengengqonyela yaseFort Hare.

Inkonzo yomngcwabo kaStofile izakubanjelwa eFort Hare, apho akhe wayefunda
khona waphinda wahlohla, ngomhla wama-25 kule nyanga.