Ukuhlaziya uqoqosho kwiilali needolophu

Abantu kumele bafumane impatho efanayo maxa onke. Kubantu abahlala ezidolophini nakwabo bahlala ezilalini akumele bohluke, iinkonzo zoluntu akumele zixhomekeke kwiingingqi abantu abahlala kuzo.

Ngelishwa abantu abahlala ezilalini ngabona bajongene nemiceli mngeni. Kwiminyaka emininzi eyadlulayo ukuzakuthi ga ngoku ngabona abangafumani nkxaso kwaye oko kwenza iidolophu zabo zingaphuhli, kungenjalo zithothobale kwaye oku kubangela inqanaba lobomi ababuphilayo bunganiki zivuno ezilindelekileyo.

Injongo ekumele siyinike ingqwalasela kukwakha uqoqosho oluluqilima. Ukungaphuhli kwezi dolophu zasezilalini kubangela ukuba abantu bajongane nemiba yentswela-ngqesho, intsokolo nokulamba kunye nokunqongophala kokwakhiwa kwezindlu.

Le yimiceli mngeni ejongene neelali kunye needolophu ezincinci: Inqwaba yezakhiwo ezindala nezigugileyo; Ukunqongophala kwezakhiwo ezikwinqanaba eliphezulu nokugcineka ngenkathalo kwezakhiwo; Iidolophu ezincinci ziyasokola ukutsala amathuba amatsha okuzalisa imali; Ngenxa yokuswela komhlaba kunzima ukufumana amashishini abucala; Ukunqongophala kobuhlobo phakathi kukamasipala, amashishini kunye nababhatali berhafu; Inkxaso ehexayo kaRhulumente wasePhondweni.

Xa kunamhlanje, abantu abaninzi abahlali ezilalini nalapho babezalelwe khona. Ufumana ulutsha lushiya ubomi basezilalini needolophu ezincinci ukuyokuphangela kwiidolophu ezinkulu neseziphuhlile. Mihla le amanani abantu abafulathela iilali ayenyuka, unobangela kukuba abantu bazifunela impilo engcono ingakumbi ukufumana imfundo ekwinqanaba eliphezulu kunye namaziko wezempilo akumgangatho ophezulu.

Oku kuye kubangele ukuba kubenzima ngakumbi ukuphuhlisa izakhiwo zasezilalini kwaye neenkonzo ziza nzima eluntwini kuba sele kushiyeke abantu abadala kwiilali ezininzi.

Kwiidolophu ezincinci kunye nasezilalini, amathuba okungenisa imali anqongophele kakhulu kwaye indlala iyagquba, ukulima nako sekudinga imali kwaye ngaphezu koko ukungabikho kwemali nokuphila kumgangatho osezantsi kubangela ukuba iintsana ezisakhulayo zisokole ukufumana imfundo ekwinqanaba eliphezulu khona ukuze kuphuhle iintsapho ezilalini.

Inene, ukunqongophala kwamathuba omsebenzi kwiilali kuyanda kwaye kungumngeni nanjengoko amanani esonyuka mihla le. Oku kubangela ukuba iidolophu ezisakhasayo ziphuhle ngokutshonisa nangokuthothobalisa abo basezilalini, kwaye akulunganga ukuba uRhulumente wePhondo akuyeke oko kuqhubeke njengento elungileyo.

Ukuhamba kwabantu ezilalini kuchaphazela iidolophu ezinkulu kakubi. Abaphathi beedolophu ezinkulu kunyanzeleka bejongene neengxaki zokunqongophala kwamanzi, ukwakhiwa kwezindlu, ukujongana nokucoceka kunye nokwakhiwa kweendawo zangasese. Konke oku kubangela ukuba abantu bafike eziidolophini ezinkulu baphile kanzima phantsi kobomi bokuqasha iindawo zokuhlala.

Ndikholelwa ekubeni, kumele zonke iidolophu ziguqulwe immo ukwenzela ziphuhliswe kwaye zihlaziywe khona ukuze baphile bhetele abantu ezilalini nakwiidolophu ezincinci.

Umzekelo, iingxelo zeziko leenkcukacha-manani loMzantsi Afrika zisibonise iindlela esinokuthi sixhamle ngazo kwezezimali nangengqesho yemisebenzi xa sihlaziya izakhiwo ezibonisa imbali yethu kunye nobunzima esidlule kubo ukuze siyifumane le nkululeko.

Izinto esinokuthi sixhamle kuzo aziquki nje ukuphuhla kokhenketho nokukhula kwezoqoqosho, kodwa ukuxhamlisa abantu ngokuthi baphile kwiindawo ezinomtsalane nezinempilo.

Kungako, thina singuMzantsi Afrika kumele sikwazi ukulinganisa uluntu oluhlala ezilalini noluhlala ezidolophini, kwaye oku kuyakusinceda ukukhusela nokuncoma maxesha onke ukungafani kwamaphondo ethu kulo eli lizwe.

Ukuzisa iinkonzo kuluntu kulula kunokulungisa abantu abafulathela iilali bejongise kwiidolophu ezinkulu ngenxa yamadlelo aluhlaza. Ingakumbi kuba ngokokuqonda kwethu, imisebenzi yiyo efaka imali kumakhaya ukuze kuphuhle iindlela esiphila ngazo kumakhaya.

Sonke sinqwenela iidolophu ezincinci okanye iilali ezizakusinika imisebenzi, imfundo namaziko empilo akwinqanaba eliphezulu, sikwazi ukunxulumana namazwe jikelele ngobuxhaka-xhaka bobugcisa, ingingqi ecocekileyo, ukunqongophala kobundlobongela, izindlu ezikumgangatho nexabiso elingcono lokuzithenga, ukufikelela lula kwezinye iindawo ngokwendlela kunye nokuhlala nabantu ngoxolo nothando kwiindawo zokuhlala.

Kwakhona, kumele uluntu lukwazi ukusebenzisana, ingulowo efaka ifuthe lokuzisebenzela nokuzimisela ekuqaleni awabo amashishini. Apha eMpuma Kapa, siyayiqonda ukuba indawo enabantu abanamashishini asakhasayo akuyonto eyakhiwa ngobusuku, koko ithatha ixesha kunye nokuzimisela. Kumaxesha amaninzi, ukwakha indawo enjalo kuthatha neminyaka.

Yilo nto sihlale phantsi savumelana ngenkqubo yokuzalisekisa eyethu indlela yobuchule bokuhlaziya zonke iidolophu ezincinci nesizixhase ngemali emalunga neR552-m.

Eyona njongo ephambili kukulwa ukudodobala kwezoqoqosho kwiidolophu ezincinci kunye nasezilalini ngokuthi oomasipala banike inkxaso kangangoko banako ukuzisa iinkonzo ezisisiseko eluntwini.

Iidolophu eziphambili kuyo le nkqubo ziquka iNtabankulu, Mt Ayliff, Bizana ekwisithili iAlfred Nzo, Alice echophe kumasipala wase-Amathole, Mount Fletcher ekwisithili iJoe Gqabi, Libode, Ngqeleni ne Port St Johns ekwisithili se-OR Tambo kunye neKirkwood echophe kwisithili iSarah Baartman.

Ukukhethwa kwezi dolophu kuxhomekeke kwezi nkcukacha zilandelayo: Ukuqondakala nokuzimisela kwedolophu ukusukela kwiminyaka eyadlulayo ukuzakuthi ga ngoku, amathuba amaninzi ezoqoqosho kunye nefuthe lokuphuhla, ukucwangca komhlaba kunye nezakhiwo ezininzi zasebuRhulumenteni, amathuba okhenketho, iindlela zothutho ezisemgangathweni, ulwazi ngezoqoqosho kunye nokwakheka kakuhle ngokomhlaba nangobumme bedolophu.

Ezona ntsika zayo le nkqubo ziquka, ukuphuhliswa kwezakhiwo, ubuhle nokuphatheka kakuhle kwendawo, ukuphuhla kwezoqoqosho, ukhenketho kunye norhwebo.

Siyathemba ukuba le nkqubo iyakuncedisa ukuphuhlisa ucwangciso lweedolophu, ukukhuliswa kolutsha ngokuthi bafumane amathuma okulola ubuchule babo.

*uPhumulo Masualle yiNkulumbuso yePhondo leMpuma Kapa. Ungamlandela kumaqonga onxibelelwano kaTwitter ku- @EC_Premier kunye naku Facebook njengo Masincokole.