Ulinde ukungcwatywa iinyanga ezintandathu ngenxa yeDNA

Aba ngabazala baka Ndileka uThozama noZuziwe Mdlela UMFANEKISO: Siyabulela Mqikela

Zintandathu iinyanga umzimba kaNdileka Mamayo (61) waseMonti ulinde ukungcwatywa ngenxa yokucotha kwenkqubo yovavanyo lwemfuzo (DNA) yamapolisa oMzantsi Afrika. Nangona yabhubha kabuhlungu ngokugetyengwa le nkosikazi ngenyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo, izibona ilinde iinyanga ezindandathu phambi kokuba ibone ukuphumla.

Ingxelo yekhaya ithi le nkosikazi yaxhwilwa ekhayeni layo eNtenteni eMonti ngobusuku, ngomhla wesihlanu kweyeDwarha kunyaka ophelileyo.

Ongumzala wale nkosikazi uZuziwe Mdlela, ucacisa okwenzekayo kudade wabo: “Sive ukuba emva kokuduka kwakhe kuvele inja iphethe intloko yomntu, kamva kwaphinda kwabonwa inja iphethe iimbambo, amapolisa athatha ezo zinto ukuba ziye kwenziwa uphando lwemfuzo eKapa,” ucacise watsho uMdlela.

Eli khaya libongoza amapolisa ukuba agqaqanise ukuqhuba olu phando ukuze ingcwatywe le nkosikazi. Indawo yaseNtenteni naseSanta zichazwe ukuba zine ziganeko eziphezulu zokugetyengwa kwabantu abadala.

“Intloko yakhe ithunyelwe kunyaka ophelileyo kolu phando, zaza iimbambo zakhe zathunyelwa apha ekuqaleni konyaka. Sicela ide ifikelele esiphelweni yonke le nto kuba isiphethe kakubi,” utshilo uMdlela.

Inkokeli yasekuhlaleni kule ndawo uNomelikhaya Kondile, uthi ngenene baxakene nento zingxaki zokuxhwilwa kwabantu abadala.

“Omnye umama yena kufunyenwe nje amalungu akhe angasese naye sele enexesha elide wagetyengwa, sihleli entlungwini kule ndawo.” Logama kuqhutywa olu phando ngamapolisa, imali yenkam-nkam kaMamayo iyaphuma kurhulumente.

“Ubhubha amakhadi akhe egcinwe ngumatshonisa, inyanga zintathu imali isamkelwa ngulo matshonisa, kodwa uzile emva kokuba evile ukuba ubhubhile eze kusinika imali yakhe namakhadi esithi liphelile ityala lakhe,” utshilo uMdlela.

Eli khaya lithi imali yenkam-nkam yale nkosikazi iza kubanceda ukungcwaba amathambo akhe xa sele kubuye ingxelo yophando lwemfuzo eKapa.

Ukanti ingxelo ithi indoda eyayibanjiwe ngesiganeko sokubhubha kukaMamayo yaphinda yakhululwa emva kokubuzwa imibuzo.

Othethela amapolisa ala ngingqi uWarrant Officer Hazel Mqala uthi bayazana nesi siganeko.

“Xa sithumele ezi nkcukacha eKapa ziye zithathe iinyanga ezintathu nangaphezulu, eli polisa licupha eli tyala lisesekhefini sizakuva kakuhle kulo xa libuyile ukuba bandawoni na nophando lwabo,” uthethe watsho uMqala.

Ukanti uthi ngenene zikhona iziganeko zokulahleka kwabantu abadala kwingingqi yaseNtenteni nezinye ezingqongileyo.

“Zixhaphakile zona iziganeko zokulahleka kwabantu abadala, uninzi ke iba ngabantu abangaphilanga,” ucacise watsho uMqala.