Umantyu ugwetywe iminyaka emithathu ejele

EKAPA: BAGWETYWE iminyaka emithathu ejele ne mibini bejongwe ukuziphatha kwabo owayesakuba nguMantyi ne ndoda yakhe eyayisakubali polisa emva kokuba bebanjelwe ukukhupha izicelo zamaphepha okhuseleko (protection orders) ne maphepha anika imvume yokubanjwa (warrant of arrest) angeyonyani.

U-Uvile Madikane ebengumantyi kwinkundla yamatyala yaseKapa no myeni wakhe uMtozami Madikane owayesakubali polisa bavele kwinkundla yamatyala eBelliville. Esisibini sigwetyelwe ityala lobumenemene okanye urhwaphilizo (fraud abafunyaniswa benalo kweyeSilimela.

Ngo2010, isithuthi sabo esiyi Mercedeces Benz C200 sabandakanyeka kwingozi. Yasiwa kwindawo elungisayo kwafumaniseka ukuba izakuxabisa iR70 000. Bahlawula iR4 000 kuphela.

Esi sibini zange sikwazi ukuhlawula intsalela yalemali, nto leyo eyakhokhelela ekubeni igcinwe le Benz.

Ukuyibuyisa, u-Uvile watyikitya iprotection order yomgunyathi ngakumphathi walo mzi ulungisa esisithuthi. Kwelixwebhu wagunyazisa ukuba ikhutshwe imoto xa ilungisiwe. Kwakhutshwa kwanempepha ezithi uyabanjwa lo mphathi uMichael Basson kweyoMnga ngo2010.

Ezi ncwadi zabuxoki zenziwa zakhangeleka ngathi zityikitywe ngoogxa baka u-Uvile enkundleni. Ezi ncwadi zathunyelwa emapoliseni aseParow apho kwayalelwa khona ukuba kubanjwe uBasson. Kodwa akazange abanjwe kuba zange athintele ukuhuluwa kwe moto.

Umantyi wenkundla uMas-Udah Pangarker uthe u-uvile uluhlazo koomantyi. “Ummangalelwa wesibini u-Uvile uxhaphaze amandla wakhe ukuze kuzuze yena. Uyihlazile i-ofisi yezomthetho. Kutheni umntu okrelekrele azakuthi xa esesihlalweni asebenzise amaqhinga,” utshilo.

UPangarker uthe kucacile ukuba lo u-Uvile uyabatshonisa nabantu abamsulwa.

“Izenzo zakhe zifaka nabanye oogxa bakhe kulento nanjengoko kukhangeleka ngathi kutyikitye bona. Aba bantu usebenze nabo iminyaka,” utshilo uPangarker.

U-Uvile ugwetywe iminyaka emithathu ngaphakathi. Iziphathi-mandla zasejele zingayijika le minyaka ze abephantsi kweliso labo iminyaka emibini ukuba uziphethe kakuhle. “Izenzo zakhe bezilungiselelwe ukuzuza yena kuphela. Kungokunje usengxakini kwaye uzakuzisola ngokwakho,” utshilo.

UMtozami ugwetywe iminyaka emibini ephantsi kweliso lamagosa ejele. Uziguzule kwelityala waxelela inkundla ukuba ebengayazi into eyenziwa yinkosikazi yakhe e-ofisini.

michael.nkalane@inl.co.za