UMasualle uza kubhengeza abaphathiswa abatsha

INkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Usuku nguLwesihlanu, umhla ngoweshumi elinanye, ixesha yintsimbi yesine malanga, indawo kuseBhisho.

Kulapho iNkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle kulindeleke ukuba abhengeze utshintsho kwikhabhinethi yakhe, kulandela iinyanga engaboni ngasonye neANC ngomba wotshintsho lwabaphathiswa bephondo.

NgoLwesithathu kule veki, uMasualle uxelele oonondaba eBhisho ukuba uza kutshintsha abaphathiswa abathile ephondweni, kwinto engachazwa njengokugoba iphondo kwizankxwe zeANC ephondweni ebimtyhola “ngendelelo” isithi walile ukuthobela imiyalelo yombutho yokuba makatshintshe abaphathiswa.

“Njengamaqabane ombutho, kubakho amatyeli apho kuye kunyanzeleke ukuba wenze izinto nokuba awonwabanga zizo. Lisiko leANC lokuba iphengulule abathunywa bayo, ukuze ibone ukuba ingatshintsha phi. Ndiqinisekile ukuba izixelile ezona zizathu zibangela utshintsho lwekhabhinethi,” utshilo uMasualle.

Umbutho iANC ubunike uMasualle le veki kuphela ukuba enze utshintsho kwikhabhinethi yakhe, kulandela indibano yalo mbutho ebibanjelwe eLuthuli House eRhawutini – negqibe kwelokuyalela lo kaMasualle ukuba athobele imiyalelo yombutho ephondweni.

Aba baphathiswa ekulindeleke ukuba bachaphazeleke kolu tshintsho baquka uSakhumzi Somyo (wophuhliso loqoqosho kwakunye nezezimali), uMlibo Qoboshiyane (uphuhliso lwamaphandle), Thandiswa Marawu (ezendlela nemisebenzi yoluntu) kwanoNancy Sihlwayi (uphuhliso loluntu).