Umdliva wegospile usendleleni eya eMthatha!

UBethusile Mcinga oyimvumi yomculo weGospel, ephethe indebe ayiphumelele kwiEastern Cape Music Awards, eMontiUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

WONKE umthandi weGospile usingise kwidolophu yaseMthatha kwingxikela yokusungulwa kwecwecwe lesine likaBetusile Mcinga.

Eli cwecwe, nelilandela amacwecwe amathathu kaMcinga, uMandibe ngowakho, Inceba zikaJesu neKuphelele – kulindeleke litsale abathandi bomculo wevangeli mbombo zone zeli.

Ngolu suku, umhla we-5 kweyeThupha/ August 2017, iholo i-OR Tambo eMthatha, kulindeleke ukuba izale ime ngeembambo xa abantu bazakube bezokubona uluhlu lweemvumi ezizakube zitshintshiselana ngeqonga.

Umama kaBetusile buqu, uLusanda Mcinga, uVeliswa Skeyi, uHlengiwe Mhlaba, Dumi Mkokstad, Jumbo, Thobekile, Pastor Khaya Mayedwa , Sgwili Zuma, Mawetu Madikiza , Butho and Yolanda Vutela , Mr Vee Sholo nabanye – bazakwabelana naloo nginginya ngeengoma ezimnandi zabo.

UBetusile uxelele I’solezwe ukuba akuphelelanga apho, “Kwangolu suku lukhulu kangaka sizakube sisungula iphulo endaliqala kwiminyaka emibini eyadlulayo lokujikeleza, ndicela iminikelo, ndiphisa ngezihlangu kwakunye neziqhusheki zamanina (sanitary towels) kubantwana abahlelelekileyo beMpuma Koloni.”

Eli phulo libizwa iJireh Children Campaign, gama elo lithetha ukuba Jehova will Provide ngolwimi lwesiNgesi.

Kweli cwecwe litsha lithi ‘‘Intando Yakho,’’ uBetusile usebenze noMxolisi Mbethe, Kamva Mcinga, Malizole Fololo, Dumi Mkokstad noJumbo Lwando Nyangiwe phantsi kweTop Class Productions.

“Kweli nqanaba ndikulo ngoku ndibekwe nguThixo nayinkxaso endiyifumana kubaxhasi bam, ngokunjalo nokuzithoba uzimisele entweni oyenzayo, kwaye ube ngulo mntu unguye uthe gqolo ukusebenza nzima ufezekisa iphupha lakho,” kutsho uBetusile.

Uvakalise ukuba ucula uhlobo oluyi-Traditional Gospel, kodwa ehleli ecela ubulumko kuThixo ukuze akhethe iingoma ezizizo nezihambisa umyalezo odingekayo eluntwini.

Uthi iingoma zakhe zingumxube, ezinye ziyanqula ngelixa ezinye izezokudumisa.

Phakathi kweengoma ezikweli cwecwe ziquka leyo ethandwa kakhulu ethi “Iyeza imini yenkululeko” neyeyona ethandwa kakhulu nguBetusile ngokutsho kwakhe, nathi yingoma endala abayenze yantsha.

UBetusile, odume ngeengoma ezifana noMandibe ngowakho noZundithwale, waqala ukucula ngo1998 ngethuba ecula kwiqela likamama wakhe iLusanda Spiritual Group, ebhala kwaye ekwancedisa ekuvelisweni kwamanye amacwecwe elo qela, phambi kokuba azimele yedwa ngo2008. Le mvumi, yaphumelela iwonga leBest Song of the Year ngecwecwe layo uZundithwale kwiiCrown Gospel Awards.

Ngale mini kulindeleke izitatanyiswa zaseburhulumenteni, abasasazi bakamabonakude nonomathotholo. Amatikiti aseJet Music eMtata Plaza ngeR50 iGeneral, yiR250 i-VIP.

Abo bangaphandle kwaseMthatha banomdla wokuzimasa bangatsalela ku: 0739031424. Umcimbi ungentsimbi yesithandathu ngorhatya!

simphiwe.freddie@inl.co.za