UMfundisi Kondlo webandla udinga imiphunga emitsha!

BEFUDULA esisinxada-nxada esixakekileyo nanjengoko enguMfundisi wenkonzo yamaRoma.

Bekulindeleke ukuba ashumayele, aphulaphule iingxaki zabantu, kwaye ahlale ethetha ixesha elininzi. Imisebenzi yokubhexesha iinkonzo zemingcwabo,ubhaptizo, ukutyisa umthendeleko njalo njalo, kodwa ngoku akasayenzi lonto uMfu. Xolisile Augustine Kondlo.

UKondlo wathanjiswa njengoMfundisi okanye iPriest yenkonzo yamaRoma ngekaTshazimpuzi ka2012. Kususela ukufunyaniswa nesigulo se-Interstetial Pneumonitis ngonyaka ka2013, ubomi baguquka ngephanyazo kuKondlo.

Encokola neli phephandaba uthe: “Ekubeni ndafunyaniswa nesi sigulo, impilo yam yaguquka. Imini nemini ndilwela umoyana endiwuphefumlayo, kwaye lunye kuphela unyango endiludingayo-kukufumana imiphunga emitsha,” utshilo. UKondlo, nongakwazi kuthetha imizuzwana emininzi engaphazanyiswanga lukhohlo-khohlo nokusokola ukuphefumla, uchitha ixesha lakhe encediswa ngoomatshini bokumnika umoya.

Uthi: “Emva kokuhlala ithuba elide ndiphuma ndingena kwizibhedlele ezohlukeneyo, ndiphefumla ngokuncediswa ngoomatshini bomoya. Xa isibhedlele sibona imeko izinzile, besindithumela ekhaya. Kungentsuku zingaphi bendiye ndibuyele khona ndidinga umatshini wokundincedisa ekuphefumleni.”

Uqhubeka athi: “Ekugqibeleni, kwaye kwanyanzeleka ndithunyelwe ekhaya nomatshini, nendimsebenzisa iiyure ezingama-24 ngosuku.” Emva kovavanyo kwisibhedlele saseMilpark eRhawutini ngo2015, uKondlo waye wachulumanca akube ebekwe kuluhlu lwabo badinga imiphunga emitsha, nasasemlindweni kunangoku.

“Ndimbonile umama wam ephelelwa ngamandla ngenxa yale meko, eguqa ethandazela esi sigulo sisemzimbeni wam,” utshilo. UKondlo uthetha phandle ngesi sigulo sakhe, ekwasasaza ulwazi ngaso. Iphulo lakhe elibizwa #1DonorSave7Lives, likhuthaza abantu ukuba banikele ngentliziyo, izintso ezimbini, imiphunga emibini, udakada omnye kunye nesibindi esinye. Khawufunde nantsi incoko yethu ngezantsi.Gqaba-gqaba ngawe, ungubani, waphi, wenza ntoni, ungumyeni okanye utata?

Mna ke Simphiwe, ndingu Xolisile Kondlo, umfundisi kwinkonzo yamaRoma (Catholic Church), Ndiyi Priest (abefundisi baseRoma abatshati ke bhuti).

1. Wafumanisa njani ukuba unesisimo sempilo (Interstetial Pneumonitis)?

Ngo2012 ndandimana ndikhohlela, de ndacinga ukuba lukhohlo-khohlo nje olugqithayo. Lwaye lwaqatsela ngo-2013, de ndaya esibhedlele eSt Dominics eMonti. Ngoko ke ndandihlala eQonce, ndingumfundisi apho.

2. Yintoni yona le-Interstetial Pneumonitis unayo? Kwaye yabangelwa yintoni? Ndenziwa utyando ( lung bi-ops) ukuze kuthatyathwe isuntswana lomphunga wam ukukhangela undonakele. Iziphumo zabuya zingenasiqinisekiso sonobangela wokugula kwam. Ayaziwa eyona ntsusa yesi simo ndikuso.

3.Yayiyintoni eyayikuxhalabisa emva kokufunyaniswa naso?

Eyona nto ixhalabisayo kukungazi ukuba ndigula yintoni. Ndandizibona ukuba ndiyagula, ndimana ndikhohlela. Lonke elo xesha ke kufuneka ndime phambi kwabantu, ndishumayele, ndithethe. Kwakusiya kubanzinyana nanjengoko umsebenzi wam ufuna ndithethe ixesha lonke. Ndafuna omnye ugqirha ukuze aphinde andihlole ukuba ndinantoni. Ndaza apha eBhayi, ndaya eGreenacres, ndadibana noGqr. Luke Krige nowandixelela ukuba ndine- Interstetial Pneumanitis. Okona kwenzekayo apha, amajoni am omzimba ahlasela imiphunga yam. Kwaye indlela yokusombulula oku kukwenza uqhaqho-fakelo lwemiphunga.

4.Ingaba usapho lwakho lwazamkela njani ezi ndaba?

Usapho lwam lundinika eyona nkxaso ndiyidingayo. Bayandifowunela, bayeza ukuzondibona rhoqo, naxa ndisesibhedlele (ubuncinane beenyanga ezimbini) baye bandindwendwele, ndiye ndingakwazi nokuzivasa ngamanye amaxesha ngenxa yokuba ethe-ethe, ndingenamandla, umama wam andivase, andithambise, andinxibise.

5.Uwafumana phi amandla wokujongana nesi simo ukuso?

Kuyo yonke le nto yenzeka kum, ndisoloko ndibeka uThixo phambili, ndisithi uThixo akasoze andinike umthwalo endingasoze ndiwuthwale. Yilo nto usuku lwam ndiqala ndimbulele ngokundikhusela ebudeni bobusuku, ndize ndimcele andikhusele emini.

6.Ungathi yintoni ekugcina usilwa?

Ndijongile, ndafunda, ndafumanisa kukho abantu abaninzi abaye bafumana uqhaqho-fakelo lwemiphunga, nam ke ndanethemba lokuba, ndinganjengabo mhlana ndifumene uqhaqho-fakelo lwemiphunga (lung transplant).

7.Ukhe ubenazo iingcinga zokuba lizakohlula elidabi ulilwayo?

Oko ndikuluhlu lwabalinde ukufakelwa imiphunga into engangonyaka ngoku. Ixesha lokulinda ibayiminyaka emithathu (3 years). Ndinokholo olunzulu, nolundenza ndikholelwe ukuba ndizakulufumana ufakelo lwemiphunga kulo nyaka. Malunga ne 16 ukuya kwi-17 yoqhaqho-fakelo lwemiphunga olwenziwa ngonyaka rhoqo.

8.Ulichitha njani ixesha lakho?

Andiziva ngoFacebook, ndincokole nezihlobo apho, ngenxa yokuba ndingakwazi ukuhamba, nokuphuma kule fleti yam.

9.Yintoni ekukhuthazayo?

Ndifunda iincwadi ezikhuthazayo, ndithandaze kwaye ndizihlalutyele iincwadi ixesha elininzi.

10.Wenzani ngoku ukuzigcina uxakekile?

Umsebenzi wam ngoku, nanjengoko ndayeka ukuxakekiswa bubufundisi, nditolika iincwadi ukusuka kulwimi lwesiXhosa ukuya kwisiNgesi. Ndinomsebenzi omninzi ondigcina ndimatasa-tasa.