Umkhuba wokubiwa kwamatye kumadlaka aseKhowa

IIitye kwingcwaba likaMayenzeke Skade ngethuba engcwatywa eKhowa kweyoMqungu 2019

BEBESELE bebala iintsukwana phambi kokuba bakhumbule unyaka wokuqala lingekho ilungu labo losapho uMayenzeke Skade waseKhowa (Elliot), kodwa endaweni yokumkhumbula bathiwe nkaa ngentlungu yokubiwa kwelitye kwingcwaba lakhe.

UMayenzeke usweleke kweyoMqungu 2019, ze wenzelwa ilitye kwidlaka lakhe kwindawo ebizwa njengokuba kuKwilokishi Endala eKhowa.

Ilitye likaMayenzeke labiwa kwinto ekholeleka ukuba ngumkhambathi onexesha elide eqhuba kula madlaka.

Abantu bale ndawo bathi sele ifana “noqhelekile” into yokubiwa kwamatye, ayokuthengiswa kwimizi yabangcwabi okanye kwimizi ethengisa amatye okungcwaba. Le yingeniso kwabo bathenga la matye xa egqiba kubiwa. Bawathenga ngemali ephantsi xa egqitywa kubiwa emva koko baxhumise amaxabiso xa bewathengisela ezo ntsapho zifuna ukungcwaba.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa, uWilson Skade, uthi bothuka ngentseni yosuku phambi kweKrismesi ukuba ilitye lomntakwabo libiwe.

“Ilitye saqaphela ukuba libiwe ngentseni yomhla wamashumi amabini anesine kweyoMnga 2019 kuba kwasa lingekho. Ngoko nangoko sayokubikela amapolisa aseKhowa. Noxa nje sifake isimangalo emapoliseni, saqhuba nokuzisezelela umkhondo. Emva kweentsuku ezimbini, ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kweyoMnga 2019, sawufumana umkhondo, wokuba ilitye lomntakwethu likumzi wabangcwabi eMaclear.

“Sabaleka saya kulo mzi wabangcwabi safika salibona ilitye, babe belibhala ngokokutsha. Sabona ukuba masiyokuthatha amapolisa aseMaclear, afika ambamba umntu okwafikwa ebhala. Sabuya nalo ilitye labe sele linombhalo wumbi,” kutsho uWilson.

UWilson uthi lo mrhanelwa osebenza kulo mzi wabangcwabi waseMaclear uvele phambi kweNkundla yaseMaclear ngomhla wesibini kule nyanga yoMqungu apho athe wanikwa umdliwo wamawaka amahlanu eerandi (R5 000).

Emva kokuba enikwe lo mdliwo eMaclear uthathwe wazovalelwa eKhowa, kodwa akazange aphinde abekwe tyala kuba umantyi, ngokokutsho kosapho lakwaSkade, wavakalisa ukuba umrhanelwa akanakugwetywa kabini.

“Into engasonelisiyo yile yokuba kugxilwe kuphela kumbandela wokuba lifunyenwe phi ilitye kuyeke ukugxilwa kule yokubiwa kwelitye,” kutsho uSkade.

USkade uthi yabakhubekisa umphefumlo ukufumanisa ukuba ilitye lomntakwabo libiwe. “Akukabimnandi nangoku,” utshilo esithi maninzi amatye asele ebiwe eKhowa.

“Maninzi kakhulu amatye abiweyo apha eKhowa. Umkhondo wokubiwa kwelomntakwethu sawuva ngomfo waseDyoki othi bona bancedwa kukuya kulo mzi wabangcwabi baxelele umnini wala ndawo ukuba ohlukane nokweba amatye wabantu,” utshilo uWilson.

Iinzame zokufumana uluvo lalo mzi wabangcwabi azikhange ziphumelele ngethuba sibhala eli nqaku, into eyenza kubenzima ukubiza igama lawo.