Umntu uyatshintsha

Ingaba ukhona umntu ongazange wabuzwa esengumntwana ukuba xa ekhula ufuna ukuba yintoni? Ukuba impendulo yakho ngu ‘ewe’, kulusizi kum ukwazisa ukuba ilungelo lakho lokuphupha usengumntwana lanyhashwa kanobom ngabazali bakho yaye ndiyarhana ukuba babephila kwelinye ilizwe elingekho apha emhlabeni.

Bangandigqinela abaninzi ingakumbi iinzalelwane zeminyaka yoo-1980 ukuba wawungaziva ugqibelele yaye uyifeze iminyaka yakho yobuntwana xa ungazange wawubuzwa lo mbuzo.

Akukho namnye umntwana owayenganqweneli ukuba ngu mfundisi-ntsapho, umongikazi, ipolisa, ugqirha, umqhubi weteksi, umfundisi, inkosikazi, igqwetha, umongameli welizwe, * -superman okanye usaziwayo othile.

Sonke sasinobizo yaye sasizigwagwisa ngalo, noxa nje into owawufuna ukuba yiyo yayitshintsha-tshintsha qho xa ubuzwa la mbuzo.

Eyokuba ke ngokwenene abanye bethu baphela sele belusabela olu bizo ebudaleni babo ayiyonto sinokugxila kuyo namhlanje, kuba sonke siyazi kwaye noBrenda Fassie wasixelela phandle ukuba ‘umntu uya-changer.’

Mandinithele tshuphe ngolwam ubizo ndisengu nomngqushwana, bizo olo lwalunempembelelo nefuthe lwezimvo zabantu abaninizi endandikhula phantsi kwabo.

Kuba ndikhula ndingumntwana othuleyo kodwa ndithanda ukubuza imibizo emininzi khon’ukuze ndiqonde, ekhaya kwakusithwa xa ndikhula ndifanele ukuba ligqwetha, kuba ndiyakwazi ukumpheka ndimophula umntu, yaye andinikezeli nokuba seledikwa kangakanani na yile mibuzo yam. Yaba ke ubugqwetha yinto endifuna ukuyifundela. Kodwa iingqondo ndakhawuleza ukuzitshintsa ngolu bizo ndaxela ulovane. Oku kwenzeka mhla ndafumanisa ukuba elinye lamagama enkobe eqhawekazi umama uWinnie Madikizela-Mandela nguNomzamo.

Ukhumbule ukuba ndikhula ndingqongwe yipolitiki nomrhabulo we-ANC, kungoko ukuva kwam ngeli gama kwandenza ndanqwenela ukuba nam ngenye imini ndizakuba ngumongameli wephiko lamanina walo mbutho, njengo- gama wam, umama wesizwe.

Ndithi mntakabawo ndade ndazigqibela apha kum entloko ukuba igama lam ndalithiywa ngenxa kaMadikizela-Mandela, kungoko ke kwakufanelekile ukuba mandilandele ezithendeni zakhe kwezo- politiko. Ungandibuzi ke ukuba konke oku kwaphelelaphi, kuba naku ndaphetha ndifundela ubuntatheli.

Kutshanje ndizibhaqa ndisebenza bucala kwicandelo endigazange nakanye ndanqwenela ukuxelenga kulo; ezemfundo.

Ndive xa ndisithi nokuba bekungathiwa mandidwelise izinto zibe lishumi ebendingakhetha ukuba zizo ngokulandelelana kwazo, icandelo lezemfundo belingasoze libonakale nangetshengele. Inene umntu uya-changer.

Oku akothusanga mna kuphela, nabo bandaziyo basakhwankqisekile lolu ‘bizo’ lwam lutsha. Phambi kokuba uvuyisane nam, hayi, andinqweneli ukufundela ukuba ngumfundisi-ntsapho ngokusesikweni, kodwa oko ndathabatha isigqibo sokubeka phantsi iintambo apho bendisebenza khona, imfundo esisiseko yomntwana omnyama ibengundoqo wezinto endifuna ukuzimanya nazo.

Unyaka usaqala kodwa intliziyo yam seyilihlwili yimeko endijamelene nayo, emva kokuchitha ixesha nabantwana bonke bezi zikolo zozibini endisebenzisana nazo.

Ndingene igumbi ngalinye lokufundisela kumabanga onke ukuqinisekisa ukuba ndizifumana zonke izimvo zabafundi ngokwahlukana. Oku kulandela iincoko ekudala ndiziqhuba neetitshala zezi zikolo, kuquka nezinye eselezithathe umhlala-phantsi. Imeko imaxongo bantakwethu yaye iyatyhafisa.

Kwiveki edlulileyo ndizibone ndibalekela koonotlalontle ndiyokubacela ukuba mababe yinxalenye yale nkqubo yethu.

Basamnkele ke isimemo sethu ze baqinisekisa ukuba bazakuhlaba ikhwelo nakweminye imibutho engasincedisa kule mizamo yethu yokuvuselela ithemba nomxhelo kubafundi ndawonye nootitshala.

Kodwa ekugqibeleni sonke siyazi ukuba izisombululo kule ntsindabadala zidingeka nkalo zonke, yaye akukazubakho tshintsho lubonakalayo xa kungekho ntsebenziswano eluqilima phakathi kootitshala, isebe lezemfundo, abafundi, abazali, iinkampani noosomashishini.