UMvenya utyhola uMatikinca ‘ngobuxoki’

Usihlalo wombutho ophikisayo iDA eMpuma Koloni uVeliswa Mvenya izolo ugxeke lowo ebefudula elilungu lepalamente eBhisho kulo mbutho uNokonwaba Dorah Matikinca ngokuswela inyani ekubeni achaze unobangela wokulahla kwakhe kulo mbutho.

UMatikinca uwushiyile lo mbutho, ngokweengxelo zamajelo eendaba izolo. Iingxelo zithi lo kaMatikinca utyhola ukuba lo mbutho weDA uzele bubuhlanga.

Ethetha neli phepha-ndaba izolo uMvenya uthi ngamampunge la athethwa nguMatikinca. “Ndingumntu omnyama, futhi ndineminyaka elishumi elinesihlanu apha kwiDA. Andizange ndadibana nobuhlanga,” utshilo uMvenya.

UMvenya uthi esona sizathu sokulahla kukaMatikinca kukuba usaqumbele ukwahluleka kwakhe kwiinzame zokuba “mna ndinganyulwa njengosihlalo weDA eMpuma Koloni.”

Kwinkomfa yalo mbutho yephondo eyayibanjelwe eJeffreys Bay kunyaka ophelileyo, uMvenya wonyulwa njengosihlalo wombutho ephondweni. “UMatikinca wayefuna konyulwe * -Edmund Van Vuuren endaweni yam. Izinto azizange zimhambele kakuhle kuba abathunywa bonyula mna. Oko ke wayequmbile ukusukela ngoko,” utshilo uMvenya.

UMatikinca uqale ukuba lilungu lasepalamente eBhisho kwiDA nyakenye, nalapho ebejongene norhulumento lwasemakhaya kuquka nemiba yeenkosi zemveli.

Lo kaMvenya uthi kuthe nje xa lo kaMatikinca ecelwa ukuba aziphendulele kwizityholo zokuba uthatha abantu ebasa komnye umbutho ophikisayo wezopolitiko kweli phondo, wavele wathi uyayeka embuthweni.

UMvenya uthi ukulahla kukaMatikinca, kuquka “nezenyeliso” azenze ngeDA akusokuze kutshintshe nto kwinkqubo yalo mbutho yokulungiselela unyulo loomasipala kunyaka ozayo. Iinzame zokufumana uluvo lukaMatikinca ziphanzile ngethuba sipapasha eli nqaku izolo.