Unogada wesikolo udubule wabulala inkwenkwana (13) ebizama ukusebenzisa iWi-Fi yesikolo

Ubanjiwe unogada (62) kulandela isiganeko apho adubule wabulala inkwenkwana eneminyaka elishumi elinesithathu (13) wenzakalisa enye ngethuba iqela labantwana lizama ukungena kwisikolo samabanga aphakamileyo iMatafeni Junior Secondary School eLusikisiki ngorhatya lwangoLwesine umhla we23 kuCanzibe ka2024 ukuzama ukusebenzisa iWi-Fi yesikolo.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi ngorhatya lwangoLwesine, malunga necala emva kwentsimbi yesithandathu (18:30), iqela labantwana abamalunga nesixhenxe lingene kumasango esikolo eMantusini A/A, kwingingqi yaseNtshamathe eLusikisiki ngeenjongo zokusebenzisa iWi-Fi yesi sikolo ngethuba begangwa ngunogada.

Kukwatyholwa ngelithi bathi abafundi bebona lo nogada babaleka.

“Unogada wabadubula wachana amakhwenkwe ababini. Enye inkwenkwe eneminyaka elishumi elinesithathu (13) ibhubhele kwindawo yexhwayelo logama enye inkwenkwe nayo eneminyaka elishumi elinesithathu (13) ubudala yafumana amanxeba okudutyulwa yasiwa esibhedlele,” utshilo uNaidu.

UNaidu uqhube wathi umrhanelwa wabaleka kwindawo yexhwayelo, kodwa wabanjwa kamva kwangobo busuku. Uvalelwe ngezityholo zokubulala, ukuzama ukubulala, ukuba nompu ongavumelekanga (inombolo yesiriyali icinyiwe) kunye nokuba neembumbulu ngokungekho mthethweni.

UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uthe isiganeko esinje sishiya intliziyo ilihlwili.

“Umrhanelwa ubanjiwe kwaye umba uza kuphandwa ngokucokisekileyo ukuqinisekisa ukuba ubulungisa buyenzeka. Sivelana neentsapho noluntu ngeli xesha linzima. Siyinqwenelela le nkwenkwe yenzakeleyo ukuba ichache ngokukhawuleza. Esi siganeko sisikhumbuzo sokubaluleka kokuphendula ngokufanelekileyo kwiimeko zokhuseleko,” utshilo uMene.

Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kamantyi yaseLusikisiki ngoMvulo umhla wama27 kuCanzibe 2024.