UNyembenya Jindela uyokumela uMzantsi Afrika kwilizwe laseTaiwan – kodwa udinga uncedo lwakho

UYonela Nyembenya Jindela ngomnye wamakhosikazi abuye nodumo emva kokungenela ukhuphiswano lukaMrs Afrika kunyaka ophelileyo. Umfanekiso: Uthunyelwa

UMrs Yonela
Nyembenya Jindela ngomnye wamakhosikazi abuye nodumo emva kokungenela
ukhuphiswano lukaMrs Afrika kunyaka ophelileyo nothe wabuya nezithsaba ezibini:
uMrs Tourism Universe 2018 noMrs Face of
Africa
2018. Ngoku ulungiselela ukuya eTaiwan – apho aza kumela uMzantsi Afrika.
UJindela uncokole noPamela Blaai weli phephandaba.

PB: Ngokufutshane, khawusixelele
ngawe.

YNJ: UYonela Nyambenya
Jindela ngumntwana wesine, intombi yokuqala kaMfundisi uSizwe noMrs Thandi
Nyembenya. Ndazalelwa kwilali yaseMqekezweni, eMthatha. NdiyiNkosikazi yakwa
Jindela, ndikwanguMama wabantwana ababini. Ndihlala kumhlaba waseMonti.

PB: Ekukhululeni kwakho ubungumntu
njani?

YNJ: Ndikhule
ndingumntana othuleyo, kodwa ndizonwabela izinto ezifana nezemidlalo kunye nezonobuhle.

PB: Ungomnye wabanye abaninzi
abangenelele uMrs Afrika, bekunjani?

YNJ: Kunjalo!
Kunyaka ophelileyo bendingomnye wabo bathi bangenela uMrs
Africa.
Yaba yinto enkulu kakhulu kum leyo ngoba ndafumena ithuba lokufunda iindlela
abanye abantu abaphila ngazo nanjengabantu abaluhlanga olwahlukileyo kwelam.
Ngaphandle koko, yaba luhambo oluhle kakhulu ngoba ndiye ndaphumelela izithsaba
ezibini: uMrs Africa Tourism Universe 2018, uMrs Face of Africa 2018, iimbasa
ezine, iSocial Media Queen, iBest Chaperone Gift, People’s Choice kunye
neContestant’s Choice. Njengokuba ndaphumelela loomawonga, ndichongiwe ukuze
ndiyokumela ilizwe loMzantsi Afrika kukhuphiswano likaLady of Brilliancy
International, eTaiwan, kule nyanga yeKhala.

PB: Ziintoni ezijongwayo ukuze ube nguMrs
Afrika?

YNJ: Kumele
ube ngumfazi otshatileyo ngokusemthethweni, ube ngumntu okhathalayo, ukhuthaleleyo
umsebenzi wokunceda abantu abangathathintweni, ukwazi ukuthetha phambi kwabantu
abaninzi nokucondoba.

PB: Amalungiselelo okhuphiswano
oluseTaiwan ahamba njani?

YNJ: Amalungiselelo
ahamba kakuhle kodwa inkxaso ndiyayidinga kakhulu eluntwini nanjengoko kufuneka
ndizikhwelele xa ndisiya eTaiwan.

PB: Abantu bangakuxhasa njani?

YNJ: Abantu
abanqwenela ukundixhasa bangenza njalo ngokuthi beze kumsitho wokuthi
ndlelantle ngomhla we-14 kule nyanga eGround Up, eMonti.

PB: Uzivisa kamnandi njani xa engekho
semsebenzini?

YNJ:
Ndichitha ixesha nosapho lwam okanye ndiphume nabahlobo bam siyobukela
imiboniso bhanyabhanya. Nase caweni kwinkonzo yamaWesile okanye ndenze
umsebenzi wokunceda abantu.

PB: Ziintoni ozithandayo ngomsebenzi
wakho?

Kukusebenza
neentlobo ntlobo zabantu nokufunda izinto ezintsha yonke imihla.

PB: Ungawaxhisa uthini amantombazana
amancinci?

YNJ: Siphila
kwixesha elinzima apho sibona khona oodade nomama bethu bebulawa ngabantu
abathi bayabathanda. Ndingabalumnkisa ndithi bangavumi ukuphathwa gadalala
ngabantu abangotata. Xa ekuthanda akanawuze aphakamise isandla kuwe. Mabazihloniphe
futhi bayazi into yokokuba banendima ebalulekileyo ekumele bayidlale
ekuphuhliseni ilizwe lethu.

PB: Ndiyakwazi uyakuthanda ukupheka,
kokuphi kutya ukuthanda kakhulu?

YNJ:
Ndingumntu othanda umvubo, ndingawutya iveki yonke iphele…LOL!

PB: Ngowuphi umculo othandwa ngu
Yonela?

YNJ:
Ndithanda umculo we-Afro pop

PB: Eyona mvumi uyithandayo?

YNJ: Xa ndithetha
inyani, ndithanda uBeyonce. Yiyo nalento esikolweni ndaphiwa isiteketiso esithi:
“Yonce”.

PB: Uthanda icawe, yeyiphi ivesi oyithanda
kakhulu?

YNJ:
Ngu-Isaiah 59, uvesi 1, “Ingalo kaYehova ayikude ukuba ingasindisi,
nendlebe yakhe ayinzima uba ingevi.”

PB: Luthini
uluvo lwakho ngempathombi yoomama?

YNJ: Ixesha
lokuba singomama silwele amalungelo wethu. Ibuhlungu into yokuba umntu abulale,
ubone umbulali eyabula esthubeni. Umthetho welizwe lethu emkhuphe ngaphandle. Inkqubo
yomthetho ayiwakhuseli amabhinqa eli lizwe. Umthetho mawudlale indima yawo,
asiziva sikhuselekile tu.

PB: Kubantwana abafuna ukuba
ngoonobuhle, ungabacebisa uthini?

Luxhaphakile
ukhuphiswano loonobuhle. Zikhona ezikumgangatho ophantsi, zikhona futhi
nezizenzela nje imali phantsi kwegama lonobuhle. Ndingabacebisa okokuba baqale
benze uphando phambi kokuba bangenele. Kubalulekile ukuba umntu ongenela oonobuhle
abenomntu oza kumbonisa indlela ngoba kukuninzi okwenziwayo koonobuhle. Enkosi!