Ihlabathi libhiyozela ukuhlangulwa kwabadlali bebhola eThailand

Igqiza lamadoda abesebenza umsebenzi wokuhlangula liqela labadlali bebhola ekhatywayo. Umfanekiso: AP

Ubugorha, uthando,
ubuchule – zezinye zezinto ezithe zabonakala kumsebenzi onzima kakhulu owenziwe
ziingcali zamacandelo ohlukeneyo ezihlangule abadlali bebhola kwilizwe
laseThailand. Ishumi lonke lamakhwenkwe aphakathi kweshumi elinesithathu ukuya
kwishumi elinesithandathu adlala ibhola lavaleleka kumqolomba oyingozi
nomqeqeshi isithuba esingapha kweshumi elinesixhenxe leentsuku. Uhlangulo luthathe
iiveki ezimbini zonke ngenxa yemozulu embi ebimane iphazamisa – kodwa nobubi
bendawo abafumaneke kuyo kuzenze izinto azabilula konke konke. Emva kwemini
izolo (Lwesibini), liphumile ilizwi kwabasemagunyeni eThailand elithi bolishumi
elinambini abadlali nomqeqeshi baphumile emqolombeni.

Kwangoko,
kube yimivuyo namayeyeye eThailand nakubantu bamazwe ehlabathi abebesoloko
beyibeke esweni imeko, bethumela uncedo nabo bebesomeleza iintsapho
ezichaphazelekayo ngamazwi entuthuzelo. “Namhlanje abantu baseThailand benze
umsebenzi onzima kakhulu,” uchatshulwe esitsho ngamajelo endaba uNarongsak
Osatanakorn – inkokeli yeqela lohlangulo.

Ukusukela mhla
babhaqwa ukuba abadlali nomqeqeshi bayaphila emqolombeni ebebevaleleke kuwo,
abazali babantwana bahlala phezu komqolomba – apho bebelinde khona ukubuya
kwabantwana babo. Ngokwengxelo ekhutshwe yiGuardian – ugcobo belubhalwe
ebusweni kubo bonke abazali. Bonke abadlali nomqeqeshi baleliswe esibhedlele
esikwidolophu yaseChiang Rai – apho babhilwabhilwa ziingcaphephe zoogqirha.

Bonke
abadlali ababonakalise iimpawu zomkhuhlane bafumene unyango koogqirha kwaye
babonakala besempilweni, litshilo igosa elikwisebe leZempilo eThailand -Jesada
Chokedamrongsuk. “Aba
bantwana ngabadlali bebhola. Noko babonakalise ukomelela emizimbeni yabo.
Imimoya kubo iphezulu kwaye bayakuvuyela ukuphuma kwabo emqolombeni. Ugqirha
wengqondo uza kuhlola isimo sabo,” utshilo uJesada.

Emva kokubekwa
phantsi kweliso loo gqirha, abadlali nomqeqeshi kulindeleke okokuba bakhululwe emva
kweentsuku ezisixhenxe. 
Enye yeendadi
ebiyinxalenye yekhulu lamavolontiya ebazama ukuhlangula la makhwenkwe yasutywa
kukufa endleleni emva kokuphela komoya kubuxhakaxhaka eyayibusebenzisa
endleleni.