Uphuhliso lwezindlu zangasese kuMpundu

Umfanekiso welali yakuMpundu eMonti ethe yaxhamla kuphuhliso lokufakelwa kwezindlu zangazeseUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

USODOLOPHU waseBuffalo City uXola Pakati, ubhengeze intlaninge yeelali zalo masipala ezithe zaxhamla kuphuhliso, phakathi kwazo yilali yakuMpundu ekummandla waseNxarhuni ngaphandle kwaseMonti.

Ethetha kwintetho engobume besixeko eAbbotsford Christian Centre eMonti kwiveki ephelileyo, uPakati ubhengeze ukuba ilali yakuMpundu, eyaseMount Coke, Qongqotha, Tshabo, Potsdam, Goodhope, eLuxolweni, Tshabo 1 naseChalumna zithe zaxhamla kulwakhiwo lwezindlu zangasese.

UPakati uthi uphuhliso lweelali yenye yezinto ezibekwe phambili ngulo masipala.

“UMasipala ungqongwe ziilali, ngoko ke xa sisenza uphuhliso akufanelanga sizishiye ngemva iilali zethu xa sithetha okanye sisenza uphuhliso. Abantu abangamakhulu amabini anamashumi amathathu anesibini bathe bafumana amathuba engqesho kolu lwakhiwo lwezindlu zangasese,” utshilo uPakati.

I’solezwe laliyityelele le lali yakuMpundu ekuqaleni kwalo nyaka ukuva ngentsusa yokuba le lali ibizwe ngeli gama. Ixhego lakuMpundu, uMkhwepha Madosi (85) wathi yena akwaziyo kukuba eli gama lisukela mandulo ngethuba amadoda ale ndawo ayetyelele kumzi onomcimbi kwilali ekufuphi ekuthiwa kukwaNkone.

“Kwakuxhelwe inkabi yenkomo kwaNkone, ze amadoda eli cala lethu anikwa impundu yesibindi phakathi kwenyama ababeyabelwe. Kuthwa lavela njalo eli gama lale lali yethu,” watsho uMadosi. Kwisibindi senkomo, impundu luhlobo oluthile oluyincakama eyenza ukuba abahlinzi babenomkhomba-ndlela wokuba bakusohlula kanjani.