Uphumelele imbasa umbhali onoGrade 3!

Umbhali wencwadi ethi Tata sikuxolele uThembisile Kundlwana

OWAPHELA kwibakala likaGrade 3 esikolweni uphumelele ibhaso ngokubhala incwadi yakhe yokuqala ngesiXhosa.

UThembisile Kundlwana, 34, ubuye nembasa yeGolide kwi2019 Sanlam Prizes for Youth Literature ngencwadi yakhe entsha ethi ‘Tata Sikuxolele.’

Incwadi yakhe ichazwe njengomavula kuvaliwe kwimiba eye ibe yindaba yakwamkhozi kwiintsapho zabantsundu – efana nokuxhatshazwa kwabantwana abangenabazali ziintsapho abathi bakhulele kuzo.

UKundlwana uzalelwe kwilali yakuLukuni eLibode. Ngenxa yeemeko awayekhulela phantsi kwazo zange alifumane ithuba lokudlula kuGrade 3.

Ubalisele I’solezwe lesiXhosa ukuba nangona nje engazange afunde, kodwa usebenzise isakhono sakhe ukwenza oko bekuhleli kuliphupha kuye, ukubhala.

Uthi incwadi yakhe ivuselela izazela kwiintsapho, iveze ukubaluleka koxolo nemfundo.

“Andikhulanga kamnandi, ngenxa yoko khange ndikwazi ukuqhubekeka nemfundo, kwanyanzeleka ndiphume kuStd 1 esikolweni ngenxa yentsokolo,” kubalisa uKundlwana.

Uthi nangona nje eli bali libalisa ngezinga lokulahlwa kwabantwana ngabazali, alibhekelanga kuyaphi kwibali elingobomi bakhe.

“Eli bali ndilibhale ndijonge ubomi bam kodwa ndalitshintsha ndalibalisa ngenye indlela.”

Kule ncwadi kubaliswa ngamawele amabini aye ayokuhlala nomalume wawo nosapho lwakhe ukubhubha kukamama wawo. Aye aphathwa kakubi nto leyo yanyanzela ukuba ayokufuna utata wawo. Akube uyise buqu engafunanga nto yakwenza nawo, aye athathwa ngumama othile owaye wawakhulisa, afunda de aphangela.

“Umdla webali uqala kanye xa sele ephangela ephinda edibana notata wawo,” kudiza uKundlwana.

UKundlwana uthi eli libali lenkuthazo nelibonisa ukuba ukusebenza nzima nokuzimisela ingasisiqalo sempumelelo.

Uthi le ncwadi uyibhale xa kuphela unyaka ka2017 kwaye isiqaqambisile isakhono sakhe sokubhala.

UKundlwana ukholelwa ukuba nokuba ubani akafundanga kodwa uzalwa efumbethe isakhono kuye.

“Imfundo yongezelela phezu kwesiphiwo ubani azalwa enaso,” utshilo.

UKundlwana, osebenza njengonogada (security) eRustenburg eMntla Ntshona, uthi le ncwadi itshayelela iincwadi ezininzi anomdla wokuzibhala.

Ubongoze abazali ngelithi mabafundise abantwana kwaye babakhuthaze ukuba benze oko kuliphupha kubo.

Uthi engazange afunde nje kukunqongophala kwenkuthazo yokufunda kwikhaya lakhe, ndaweni yoko exhonkxwa kwisakhono sokolusa iinkomo.

Incwadi kaKundlwana iphume ngomhla wokuqala kule nyanga yeNkanga.

simphiwe.freddie@inl.co.za