Usapho lugxeka umzi wabangcwabi

Luyakhala usapho lakwaSolani kwilali yaseMkhukhwini eQamata emva kokuba lungakhange loneliseke yindlela olwathi laphathwa ngayo ngumzi wabangcwabi iEyethu Funeral Services kuKomani.

Kweli khaya bekubhatala ilungu losapho olungasekhoyo uNomarashiya Solani (51) ukusukela ngo2011, imali engamakhulu amabini eerandi, de wabe uyabhubha kwinyanga yoMqungu kulo nyaka.

UZolani Solani nongubhuti wexhoba uthi wabhubhela eKapa udadewabo ngomhla wamashumi amabini anesibini kweyoMqungu, kodwa eqhubekeka nokubhatala umasingcwabane kuKomani.

USolani uthi inkathazo iqale xa wathi wagcinisa umzimba kadadewabo kumzi wabangcwabi oseKapa kuba bengafumaneki emnxebeni abakwaEyethu Funeral Services ngeenjongo zokubika umphanga.

“Bandisokolisile bebeka ityala kum abakwaEyethu Funeral Services kuba ndingawusanga kubo umzimba kuKomani nangona nje wabhubhela eKapa usisi. Sisokolisene sade sabe siyangcwaba ngomhla weshumi kwinyanga yoMdumba bengakhange bafake sandla,” utshilo uSolani.

“Udadewethu akazange aphoswe nayinyanga engakhuphi mali yokuzingcwaba. Sithe xa sisondela ngenjongo zokufuna ukuncediswa kweli khaya wathi Mnu. Ndude endaye ndafika kukho yena kwiofisi ndiyokuqonda, wathi ukuba sinayo indlela singamoja umntu wethu,” utshilo uSolani.

Usapho luthi iEyethu Funeral Services ithumele imali engamawaka amathandathu (R6 000) sele udlulile umngcwabo.

USolani uthi asele ekunqwenela ngoku kukufuna ukwazi ukuba eli khaya lingcwaba ngeR6 000 na ilungu umthetho walo.

Umnikazi wekhaya iEyethu ozichaze kuphela njengoMnu. Nkobo uziphendulele esithi kwizityholo abazibekwa nguSolani abanalo bona ityala.

Uthi ukuze abhataleke kade uSolani kungokuba wathumela kade iimpepha ababezicele kuye.

Ephendula kweyokuba bathi makaloje ilungu lakhe uSolani, uNkobo uthe akekho umntu onokuze athethe lo nto emntwini osentlungwini yokubhujelwa.

USolani uthi wayengazukwazi ukuba eze neempepha ngokwakhe engengomsebenzi wasebangcwabini.