Uthatha umhlala phantsi uMlawu Tyatyeka

UMlawu Tyatyeka

Uthatha umhlala-phantsi emva kweminyaka engaphezu kwamashumi amathathu ekhonza uluntu, ekhusela ulwimi lwesiXhosa – uMlawu Tyatyeka.

Uthi uzakuqala apho ebeyeke khona ukubhala iincwadi zesiXhosa ngeenjongo zokugalela kuvimba wolu lwimi. Eli khwahla lomthandi wesiXhosa, linikise ngobomi nexesha lalo kwiinzame ezininzi ezijolise ekukhuseleni ulwimi lwesiXhosa.

“Ukuthatha umhlala phantsi kuzakundinika ithuba lokuba ndigubhulule iincwadi ezininzi endizibhalileyo ebendingenathuba lokuzisebenza ndizigqibe ngenxa yempangelo,” uthethe oko uTyatyeka. UTyatyeka uthathe umhlala-phantsi ukusukela ekupheleni kwenyanga yoMqungu walo nyaka emva kokukhonza kwibhodi ejongene neelwimi zoMzantsi Afrika iPan South African Languages Board.

Ngethuba lokusebenza kwakhe, ubekho ngexesha kuqalwa inkqubo yokutshintshwa kwamagama engcinezelo kufakwa amagama amatsha kwizitalato needolophu ezininzi zeli phondo.

“Maninzi amagama endisebenze nzima ukuqinisekisa ukuba ayaphumelela, ukulungiswa kwendlela elibhalwa ngayo igama ledolophu yaseMthatha, iLady Frere ukuba ibeyiCacadu, iMount Frere kuthwe kukwaBhaca, Queenstown kuthwe yiKomani- zezinye kwiinzame zam ngethuba ndisebenza kula komiti,” utsho uTyatyeka.

Lo kaTyatyeka uqale ukusebenza njengomfundisi-ntsapho ngonyaka ka1976, esebenza kwisikolo Isivivana kuNqiningana eCacadu.

“Ndifundise abantwana ukuza kutsho ku2004, ndaza ndatsityelwa yiPANSALB ngo2005, ndadlala indima endenza ndizidle nalapho.”

Kwigalelo lakhe kulwimi lwesiXhosa ukhe wasebenza njengomhlohli kwiiyunivesithi eziquka iYunivesithi yaseNtshona Koloni neYunivesithi yaseTranskei.

Kwiincwadi azibhalileyo uTyatyeka, ziquka leyo ithi uMdiliya wesiXhosa ayibhale kunye noKholiswa Moropa kwanaleyo ithi Iziduko Nezibongo.

“Enye yeencwadi zam eyathi yanyamalala phambi kokuba iqandusele yileyo ithi Sinebhongo ngesiXhosa, ndijonge ukukhangela loo msebenzi ndiwubuyise, ndiwugqibezele ngoku,” utsho uTyatyeka.

Usola uSir George Grey ngokuphembelela indlela zokutshatyalaliswa kolwimi lwesiXhosa, amasiko nezithethe zabantu abamnyama eMzantsi Afrika.

UTyatyeka usondla isizwe ngolwimi lwesiXhosa, amasiko nezithethe esebenzisa amajelo aquka uMhlobo Wenene, Mdantsane FM, Alfred Nzo, TruFM kunye neZwi Lethemba.

”Enye yeencwadi endizibhalileyo ichaza banzi ngeentaka kunye nentlalo yoluntu, enye ithetha ngeenyamakazi ezithile nentlalo yoluntu, kusekuninzi ekufanele sikwenze ukuxhobisa abantwana abathetha isiXhosa.