uvimba wemibongo

Wemka ntwazana kusempondo zankomo, Xa kuqala kusithi qwenge, Uyingqangangqwili engoyiki ngokoyikiswa, Awoyikiswa ngenyok’ efileyo,Bangathetha baxeg’imilomo, Kazi soba yintonin’ esisizwe ngaphandle kwakho? Akunani ke kuba akukho sibonda siguga namaxolo, Wenze umsebenz’ oncomekayo ntombi kaMakhaya, Maxhalanga ndityeni!

Zizakuvel’ ingcuk’ ezambethe ufele lwegusha lingekatshon’ ilanga, Bazawuntuntutheka ontakampuku kungekarhatyeli, Izawugqum’ imilambo izandyondyo zingekafiki, Uzawuva ngobikh’ ub’ ihlobo lithwasile, Uyakuthi wayetshilo oka Bhabhathane umzukulu, KuseMzantsi apha nocwethe uzibon’ubukhulu.

Ungcuthiwe ngefolokhwe zikaSathana, Enkosi Mtimande, bambo lunye lungaba lubini ufuze kulonyoko, Wena wakwaMalambule, kwathi uMalambule ebanga noMswazi nathi MALAMBULE PHAMBILI Wayidonts’ imixhaka ungenavalo, Masango makhulu ngawabanyu nawenkomo, Ungathengi buso, ungacengi ndolalaphi, Wayihlwayel’ imbewu yethemba kuluntu, Walukhusela kuzo zonke izikhali, Kwadula amanyhundululu kwavela nezimanyumnyezi, Ntinga ntakandini ubhabhele phezulu njengentambanani.

Bezingatsali ngaxhatha linye, Kodwa wenze izinto zenzeka, Ulikhakha lokukhusel’ uluntu, Lento uzelwe nayo ayikho sembonjeni koko isegazini, Amakrele ubuwaphepha ebebonwa nasisaphuselane, Izagweba ubuzikhusela ngazo bezibonwa nanguthathatha, Ubethe ngazo zonke awashiya neyokuhlanganisa, Kufik’ ixesha loba udadel’ enzulwini ngoku, Bayeke oBhodl’ esambesa bevuthelwe ngaphakathi.

Wazinqik’ iziduli qobokazana! Bawusala bezidib’ abapheth’ ipeki nefotsholo, Abakhalazayo basazalwa nakalokunje, Iseza kuphindwa neminyane ibhulwe, Icekwa lilele nabangen’ ezihlangwini zakho, Uluntu lusentendeni yalowo uthathisayo, Bekumnyam’ ebusweni benkawu, Kodwa ngoku kunokhanyo nomtyhi, Sizayikrwela nalentshwela noba itshele, “IQOBOKAZANA LINGALAL’ENDLELENI YAZINI LILAHLEKILE”