Uyalelwe ibheyile umfama otyholwa ngokubulala umsebenzi

Abaqhankqalazi phambi kwenkundla yamatyala

Abasebenzi basefama basamkela ngezandla ezishushu isigqibo sikamantyi uCyril Kroutz sokungamniki ibheyile umfama otyholwa ngokubulala umsebenzi wasefama. Itshantliziyo lamalungelo abasebenzi-fama phantsi kombutho weRural and farmworkers Development Organization uBilly Claasen uthi bayasamkela esisigqibo sika Kroutz. Uthi “le yimpumelelo kubasebenzi basefama kuba lide ixesha ephelela emoyeni amatyala okuxhatshazwa kwabo ngamafama. Sikwacele amapolisa ukuba aqhube uphando ngawo onke amatyala akhe avulwa ngabasebenzi ukuqala ku-2010 ukuzakuthi ga ngoku.” 

UClaasen ukwathi esi isenzo sikaMartin Visser ibisesobugwala kwaye besingeyomfuneko.

UMartin Visser oneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) ubudala utyholwa ngokubulala ze angcwabe uAdam Pieterse owayengumsebenzi wethutyana esuka ePrieska. Ngokwengxelo uAdam waduka ngo February ze umzimba wakhe wafunyanwa kwingcwaba elingenzulu kwifama ka Visser kweyoKwindla kunyaka ophelileyo. Emva kophando oluthathe isithuba seenyanga ezilishumi elinesibhozo (18) kweyeDwarha walo nyaka wabanjwa uVisser. Ngethuba ebanjwa kwavakala ukuba lo wayekhe wamangalelwa ngokuxhaphaza umfi lo.

Ngethuba ewisa isigwebo umantyi uKroutz uxelele abameli baka Visser ukuba akafumani zimeko zingaqhelekanga ezingabangela ukuba amnike ibheyile, kwaye isimo sosapho lukamfi sesona simaxongo kuneso sosapho luka Visser nanjengoko uAdam yayinguye kuphela ozisa ukutya etafileni. Ukwathe unesiqiniseko sokuba uVisser angaphazamisana namangqina xa engakhululwa ngebheyile.

Ityala limiselwe umhla weshumi elinesithandathu (16) kweyoMqungu wonyaka ozayo ukuze kufunyanwe usuku lokuya kwinkundla ephakamileyo.