Uyangcwatywa umfundi wezobugqirha oxhaxhiweyo

Lwando Mantshontsho

Umfundi obesenza izifundo zobugqirha kwiYunivesithi iWalter Sisulu uLwando Mantshontsho, uza kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela kuBanzi eCofimvaba ngoMgqibelo, kumngcwabo olindeleke ukuba ukhatshwe lunxunguphalo ngenxa yendlela abulawe ngayo.

Abafundi baseWSU basanxunguphele ngesenzo sokubulawa kwexhoba ngoogxa bakhe eMthatha kwimpelaveki esiyishiya ngasemva.

UMantshontsho (24) uxhaxhwe ngoogxa bakhe abenza kwa izifundo zobugqirha kulandela ukungavisisani malunga nobunganga beminyaka kwezi zifundo. Kuvakala ukuba uMantshontsho ubulewe ngabafundi abangaphantsi kuye ngeminyaka kwezi zifundo.

USinelizwi Mantangayi ongumongameli wabafundi eWSU, uthi basothukile sesi sehlo.

“Singabafundi siyazama ukukhawulelana nesi sehlo kodwa akukho lula. Ibe ngunobenani into abaxabene ngayo, asiyonto ibinokude ibangele ukuba bade babulalane,” kutsho uMantangayi.

“Siza kuwenza namalungiselelo okuya kumngcwabo wakhe ngoMgqibelo eCofimvaba ukuyo kubeka ugxa wethu kwikhaya lakhe lokugqibela,” utshilo.

Yonke le ngxwaba ngxwaba yokubulawa kukaMantshontsho ilandela emva kokuba abafundi abahlala e-Atlanta kwangaphakathi esikolweni bebezonwabele besela utywala.

Aba bafundi bebengamaqela amabini, ze elinye labuya ekuzeni kusa ngezithuba zentsimbi yesibini langqala ngqo kwigumbi likamfi lafika laqhaqha ngobhushu icango bangena bamxabela, bamshiya elujaja ligazi. Abanye abasindileyo baye babalekiselwa esibhedlele.

Umhlobo omkhulu kaMantshontsho, uNathi Sibhoko, uthe ushiye indawo enkulu kuye engenakuze icimeke kwangoku.

“Oko ndaqala naye apha ngonyaka wethu wokuqala u2012 kude kube lusuku lwakhe lokugqibela. Ungumntu onenkathalo ongathandi chuku, undakhile kwizinto ezininzi, andithethi ngaye kamnandi kuba ebhubhile ibiluhlobo alulo. Besisabelana ngayo yonke into, besinamaphupha kwanezicwangciso xa sele siqalisa ukuphangela kunyaka ozayo. Ngoku kum kutshintshe kwanto.”

Isithethi saseWSU uYonela Tukwayo, uthi usekela mphathiswa wamapolisa kuzwelonke uBongani Mkongi, uthembisile ukuba kuzakuqinisekiswa ukhuseleko ngaphakathi esikolweni.

“Kuzakwenziwa ugqogqo lokususwa kwezikhali ezinobungozi ngaphakathi. Oko sikwamkele kuba kuza kusincedisa kuphele iziganeko zobundlobongela kubafundi.”

Amagama abarhanelwa abathe bavela enkundleni ngezityholo zokubulala uMantshontsho nguSiphesihle Mafungwa, uYamkela Mxokozeli, uPhilani Daca, uSindile Khanga noLwakhe Matakanye. Bashiyeke ngaphakathi eziseleni belindele ukuphinda bavele ngomhla wamashumi amabini anesine kule nyanga.