UYapi uhlab’ ikhwelo kumzi kaPhalo

Umfundi ogqwesileyo kulwimi lwesiXhosa * -Anelisa Marwanqana enikezelwa iwonga ngumbhali weencwadi zesiXhosa uNelson Njengabantu Yapi.

INGQWAYINGQWAYI kuncwadi lwesiXhosa uNelson Njengabantu Yapi uthi waluphele ngoku, ngoko ke ucela abantu abantetho isisiXhosa ukuba bazinike uxanduva lokugcina nokukhulisa olu lwimi.

Ngunyaka wamashumi amabini lo, uYapi enikeza iwonga kumfundi kaGrade 12 othe wagqwesa kulwimi lwesiXhosa kwiphondo laseMpuma Koloni liphela. Lo kaYapi, lo msebenzi uwenza ngokubambisana norhulumente waseMpuma Koloni.

Kwiimviwo zikaGrade 12 ka2016, eli wonga lizuzwe ngumfundi uAnelisa Marwanqana wesikolo iMariazell Senior Secondary yaseMaluti, othe wagqwesa kulwimi lwesiXhosa esodlula wonke umfundi kweli phondo.

UYapi uthe: “Ixesha lihambile, ndiyaguga ngoku. Iinjongo zokuba ndikhuphe eli wonga, kukuba ndifuna ihlumelo kulwimi lwesiXhosa. Ndiyacela kurhulumente wephondo laseMpuma Koloni, kwanoluntu ngobubanzi ukuba luzinike uxanduva lokukhulisa futhi nokugcina ulwimi lwesiXhosa.”

UYapi ngumbhali ophume izandla kulwimi lwesiXhosa. Iincwadi zakhe ziquka ethi Idabi laseMachibini, Uzenzile Akakhalelwa nayihlanganyele nabanye ababhali ethi Sasinoncwadi Kwatanci.

“Ndixhalabile kakhulu, kuba ulwimi lakowethu luyakhukuliseka. Masizinike uxanduxa, senze iinzame zokuba luhlale luhleli ulwimi lwethu. Enye into ephinda indixhalabise kukuba abafundi abafumana eli wonga, abalandeli makhondo anesiXhosa xa beseYunivesithi,” utshilo uYapi.

UMarwanqana uthi ukugqwesa kwakhe kulwimi lwesiXhosa kuze emva komsebenzi onzima.

“Ndifunde iinoveli zesiXhosa eziliqela kunyaka ka-2016, ndifuna ukuba ndibenolwazi oluphangaleleyo. Ezinye zeenoveli ebendizifunda bezingeyonxalenye yeencwadi ezimiselwe ukufundwa esikolweni sethu kodwa ngenxa yokuba bendifuna ulwazi ngesiXhosa, bendifunda kwanoveli yesiXhosa ephambi kwam,” utshilo uMarwanqana.

Kodwa okubi kokokuba uMarwanqana akazulandela khondo elingqamene nolwimi lwesiXhosa nanjengoko ezakufunda iActuarial Science kwiYunivesithi iWits.

“Ngelishwa ndikhethe iActuarial Science, kodwa andizokwahlukana kwaphela nesiXhosa, ndiza kuqhubeka ndizifunda iinoveli zolu lwimi,” utshilo uMarwanqana.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za