Uzakunikwa imbeko uTyhopho ngamaGcina

 Isizwe
samaGcina phantsi kweAmagcina Royal Council sikwiphulo lokusabela umkhwazo
nesicelo esenziwe lulutsha lesi sizwe kuzwelonke ngenjongo zokwenza imfuna
lwazi ngobuGcina. Othethe egameni leli komkhulu uNkosana uYimile Zothe uthi
aqhubela phambili amalungiselelo abo okuthetha nabantwana besizwe sikaTyhopho
kaPhatho. ”Sifumene isicelo esivela kuMzantsi Afrika wonke, ulutsha
olungamaGcina lufuna ukwazi banzi ngesi sizwe samaGcina, baseKapa, Rawutini
nakwezinye iindawo zelizwe, sizakwenza oku sikudibanise nesikhumbuzo sikaNkosi
uTyhopho Phatho,”ucacise watsho uZothe. Ingxelo ithi esi sikhumbuzo sihamba
nemfunalwazi sizakwenziwa phezu kwedama laseXonxa apho likhoyo ingcwaba
elingusinga likaNkosi uTyhopho. ”Kaloku amathambo kaTyhopho aphantsi kwala
manzi welidama laseXonxa eli litye limiyo ngoku ngusinga ongenawo amathambo
wakhe, kuba agqunywa ngamanzi,”ucacise watsho uZothe. UTyhopho uzelwe ngonyaka
ka1749 waza wabhubha ngonyaka ka1857 emva kokuzibonakalisa ngamandla ebukhosini
phantsi kweKumkani yabaThembu uNgubengcuka. ”Isizwe samaGcina sidibene nezindlu
eziquka amaMpondomise kaMatiwane kunye namaYirha sasungula eli litye ngo1986
ngenyanga yeNkanga nge njongo zokukhumbula uTyhopho,”utsho uZothe.

 Ecacisa
ngesi sikhumbuzo kunyaka ophelileyo uNkosana uPhandulwazi Mhlontlo wathi
bajonge ukusebenzisa inyanga yoMsintsi ukwenza esi sikhumbuzo sikaTyhopho.
Imbali imchaza nje ngegorha elathi lazibonakalisa ngobuchule bokuxoxa
kwanokukhalipha okwathi kwatsala umdla kaKumkani uNgubengcuka. ”Usihlalo webhunga
elijongene nezinto ezililifa kweli (National Heritage Council)uSonwabile
Mangcotywa ubonakalise umdla kakhulu kulo mcimbi, ulindele imbalelwano yethu
ukuze asixhase,”utshilo uMhlontlo. Kukho ingxelo zokuba umphathiswa wesebe
lokuhlaliswa koluntu uLindiwe Sisulu nomphathiswa wezolimo, ulobo namahlathi
uSenzeni Zokwana banomdla wokuba yinxalenye yamalungiselelo okukhumbula
uTyhopho nanje ngoko bephuma kwesi sizwe,itshilo ingxelo. ”Izindlu zikaTyhopho
ziquka amaGadlume, amaNjikazi, amaNtsinga, aMarhula, amaBhinca namaHelushe
nathe bhazalala kwilali zedolophu zaseCacadu, Cofimvaba, Ngcobo, Komani nezinye
iindawo,”utshilo uZothe.

 Ingxelo
ithi ilitye lesikhumbuzo sikaTyhopho latyhilwa nguKaizer Daliwonga Mathanzima
ngexesha lakhe lokuphatha eTranskie. ”Siqikelela ukuba esi sikhumbuzo
sizakwenziwa ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yoMsintsi kulo nyaka,
sele sijikeleze eKapa naseRhawutini sithetha nabantu besisizwe sisabela kulo
mkhwazo wolutsha lamaGcina,”watsho uMhlontlo. UZothe uthi bamema zonke izizwe
zamaGcina esele zivile ngesi sikhumbuzo nezi zingekazi ngalomcimbi eXonxa
eCacadu kumasipala waseMalahleni.Ukanti isithethi sesebe lentsebenziswano
kurhulumento nemicimbi yemveli uMamnkeli Ngam uthi abakafumani mbalelwano esuka
kumaGcina.”Inokuba isesendleleni imbalelwano yabo, andiqinisekanga ukuba sele
bezixelele ngalo mcimbi kaNkosi uTyhopho,”ucacise watsho uNgam.