Wadlwengulwa ngutatomkhulu wakhe!

xxxx xxx

Kapa: UAndiswa (ayilogama lakhe lokwenene), oneminyaka engama29, uthi ukhule ehlala noninakhulu eseneeveki ezimbini ubudala kuba washiywa ngunina emnyango kuloyise kwaLanga.

“Ndiqale ukudlwengulwa ndinesixhenxe seminyaka de ndaneshumi elinanye leminyaka,” kutsho uAndiswa, olixhoba lodlwengulo ngabantu abazalana naye.

UAndiswa ngumama wabantwana abathathu nosele ebuya emzini. Uthi kwisiganeko sokuqala wadlwengulwa ngutatomkhulu wakhe amatyeli aliqela, enesixhenxe seminyaka.

“Utatomkhulu xa eza kundidlwengula wayeqala ngokundiloba ngamandongomane kuba esazi ukuba ndiyawathanda, ndizulise ndingayi, wayendijamela ngamehlo anyanzelisayo, ndincame ndizise kuye kuba wayendixelela ukuba andinalo elinye ikhaya kuba umama wam ondizalayo wandilahla.”

Uthi ukuzikhulula kwakhe kutatomkhulu wakhe wakhetha ukubalekela kwadade boyise, nalapho wabalixhoba lodlwengulo kwakho izihlandlo ezibini ngunyana kadadobawo wakhe ngethuba enethoba leminyaka ubudala.

Uthi xa eqala ukuzamkela ukuba ulixhoba lodlwengulo iziganeko ezibini, waphinda wafumana impathogadalala ngezesondo kumyeni kadadobawo wakhe, esi yaba sisiganeko sesithathu engekalidibanisi ishumi elinesibini leminyaka ubudala.

UAndiswa uthi kwesi isiganeko yenzeka kanye kuba wakwazi ukuzama ukuzilwela, egrogrisa ngokumhlaba ambulale ukuba uzama ukumphathaphatha kumhlaba ongezantsi.

“Kwimpilo ebendiyiphila kube nzima ukuba ndixelele abanye abantu, bendisoloko ndizivalele, kungenjalo ndibhale imibongo ukuzama ukuzinyanga nokuziphilisa emphefumlweni.”

Le nkosazana ithi yazama ukuzibulala ngokusela iipilisi.

Uthi ngethuba ineminyaka elishumi elinesibhozo yakhulelwa, yathatha isigqibo sokuba abaxelele abantu bakowayo, kodwa wabuya nelize nanjengoko wabonwa njengalowo uzama ukuchithachitha usapho.

“Ndisadibana nabo kwiziyolo zekhaya, ndibabulise ngokungathi akukho nto yakhe yenzeka kuba kaloku nosapho lwam lucinga ukuba zange ndadlwengulwa ngabo,” utshilo uAndiswa, esitsho kananjalo ukuba wayecinga ukuvula ityala, nto nje wacinga ukuba oko kwakumbuyisela emva, kungcono azinyange phambi kwabo, babone ukuba usaphila yaye uqhubela phambili nobomi.

UAndiswa uxelele I’solezwe ukuba kunyaka ophelileyo uthathe isigqibo sokuba azinyange ngokunokwakhe ngokuthetha esidlangalaleni, ingakumbi ezikolweni, ekhuthaza amantombazana ukuba athethe ngokuphandle ukuba bayadlwengulwa kusini na.

Uthi wazibandakanya nombutho ongekho phantsi kukarhulumente iKusasalethu ukuze abesisithethi senkuthazo, ephalaza imbilini yakhe ngokwathi kwamehlela njengexhoba lodlwengulo.

“Ndingambulala ngezandla umntu onokuzama ukudlwengula iintsana zam kuba ndibelixhoba lokudlwengulwa, kunangoku ndizama ukuqhubeka nobomi bam.”

UKhaya Qakeni ophuma kwiKusasalethu, uthi sukela oko badibana noAndiswa babone utshintsho olumandla.

“Amantombazana aselula ayakwazi ukuthetha ngeziganeko zokudlwengulwa kwawo, nto leyo ingaqhelekanga,” utshilo uQakeni onguMsunguli weKusasalethu eKapa.

isibhalo@inl.co.za