Wenza intetho ephambili kwiyunivesithi yase Mntla Ntshona Madontsela

Umkhuseli
woluntu kweli uThuli Madontsela uzakuba esothula intetho ephambali kwiyunivesithi
yase North West
eMafikeng namhlanje. Ingxelo ithi lentetho yomkhuseli woluntu izakugxila
kwingxaki ezijongene nawo amaziko emfundo ephakamileyo,imfuno zabafundi
kwanezinto abazilindeleyo kurhulumente. UMadontsela uzakuthetha nabafundi kunye
nabafundisi ntsapho malunga nendima yabafundi ekwakhiweni kwelizwe. Lo mkhuseli
woluntu ngaphambili umemelele ukuba abantwana abaphuma kumakhaya ahluphekayo
banikwe ingqwalasela kwinguqu ekuxoxwa ngazo kwimeko yemfundo ephakamileyo.

 UMadontsela
umemelele ukuba abafundi mabohlukane nokutshisa izinto zikarhulumente xa
beqhuba uqhankqalazo. ”Ukutshatyalaliswa kwamaziko woluntu nakarhulumente akusombululi
ngxaki koko kwenza nzima impilo yabantu belizwe ngokubanzi,”uthethe watsho
uMadontsela. Lo kaMadontsela uyagqibelisa emsebenzini wakhe wokuba ngumkhuseli
woluntu ekupheleni kwalenyanga nanje ngoko ixesha lakhe lifikelele esiphelweni.
UBusisiwe Mkhwebane utyunjwe ukuba angene kwesisikhundla ukusukela ngomhla
wokuqala kwinyanga ka Novemba emva kokubetha bonke abo ebekhuphisana nabo
ngesisikhundla.