Lala ngoxolo ‘Nkalakatha’

Ongasekhoyo uMandoza ecula kwinkonzo yesikhumbuzo sikaLebo Mathosa

IYAPHOKOKA imiyalezo yovelwano
kusapho lemvumi yeKwaito engasekhoyo uMandoza, osweleke emini ngoCawe.
UMandoza, ogama lingu Mduduzi Tshabalala, uye wanikezela
kwidabi lokongonyelwa
ngumhlaza.

Amazwi ovelwano agcwalise amaqonga onxibelelwano afana noTwitter
noFacebook phantsi komqheba othi #RIPMandoza. 
Umongameli weli uJacob Zuma sele ezibandakanye nabo bagxwale emswaneni
emva kokubhubha kwale mvumi ebiseze ngobuso. 

Kwingxelo ekhutshwe yi-ofisi kamongameli uZuma uthe, “UMzantsi Afrika
ulahlekelwe ngomnye wabo badlale indima ankulu ngomculo obusonwatyelwa ngabantu
beli omdala ukuya komncinci, waphinda wenza into engaqhelekanga yokuvelisa
umculo owonwatyelwa ngabantsundu nangabamhlophe kweli.” UZuma udlulise umyalezo
kwinkosikazi kaMandoza uMpho, usapho kwanabalandeli bale mvumi.

UMandoza wazenzela igama ngengoma
ethi “Nkalakatha,” awayikhupha ngonyaka ka-2000, neyayibalasele kakhulu
kwizikhululo zosasazo zeli. Le ngoma kaMandoza yayithandwa kakhulu zizo zonke
iintlanga zeli. Abanye kumaqonga onxibelelwano bavakele besithi le ngoma
yazimanya iintlanga zeli ngaphezu komhobe wesizwe.

Iindaba zikaMandoza zokonganyelwa ngumhlaza ziye zathi kwezintsuku
zimbalwa zidlulileyo. Ushiya ngasemva inkosikazi nabantwana ababini.