Yonga amanzi, imbalela iyagquba

Ngenxa yembalela eqatseleyo kweli phondo leMpuma Koloni nebangela ukunqongophala kwamanzi, isebe lamanzi nogutyulo lwelindle libambisene nomasipala wase-Amathole izolo baxhobise uluntu laseNgqushwa ngamacebo okonga amanzi.

Ethetha kulo msitho usodolophu wase-Amathole uNomasikizi Konza uthi lo ngomnye woomasipala abanengxaki yamanzi. “Inkulu kakhulu ingxaki yokunqongophala kwamanzi kulo masipala, apha kuDisemba sizakumisela umqathango onyanzelisa ukongiwa kwamanzi eGcuwa kuba, ela cala lithwaxwa ngamandla yile ngxaki.”

Abahlali baxhotyiswe ngeendlela ezahlukileyo zokonga amanzi kuquka nokulwa amanzi avuzayo ezimpompeni.

Abahlali banikwe iikiliva zohlobo olulodwa ezijoliswe ukuba bakwazi ukunkcenkceshela ngazo bathuthe namanzi ngeendlela ezikhuselekileyo nezonga amanzi.

Othethe egameni lomasipala waseChris Hani uThobeka Mqamelo uthi lizakwanda inani leedolophu zalo masipala ezizakumiselwa umqathango wokonga amanzi.

“Sele simisele imiqathango malunga nokusetyeniswa kwamanzi eMetele (Middleburg) ngenxa yale mbalela, kwaye zizakwanda iidolophu esenza oku kuzo,” utsho uMqamelo.

Umasipala waseNgcobo ugqibe iveki, kwiveki ephelileyo engenawo amanzi kwii-ofisi zikamasipala kwakunye neendawo zokuhlala abantu, itsho ingxelo.

Ethetha kulo msitho usodolophu waseNgqushwa uSolomzi Ndwayana uthi kuyabavuyisa ukubona urhulumente kazwelonke ukuba atyumbe umasipala wabo.

“Ewe amanzi aqongophele nalapha kodwa noko eyethu imeko ayifani nezinye iindawo kuba sele siwanikiwe amatanki kwakunye neempompo,” utshilo uNdwayana.

Eli sebe kutshanje lichaze iphondo laKwaZulu Natal kwakunye nephondo loMntla Ntshona njengeengingqi zentlekele ngenxa yokukhula kwembalela kweza ndawo.

Iingcali zemozulu zithi le meko ibangelwa bubushushu obuhamba nomoya okubangela ukuba kungabi lula ukwenzeka kwemvula.