Zezokuthini iintsuku zeValentines neeKrismesi?

Nantsi inyaniso,
ukuba ufuna ukuthengisa into nokuba yintoni kufuneka udale imfuneko kubantu
oceba ukuthengisela bona. Abanye benza yonke into esemandleni abo ukuyidala le
mfuneko. Abanye xa bezifumanisa beseluthandweni kakhulu nomnye umntu osele
etshatile okanye ehambisana nomnye umntu bandisa ulwimi olunokwenza luqhawuke
olothando ukuze eloqabane alilangazelelayo libenayo imfuneko yokufuna iqabane
elitsha.

UNgwevu, nje
ngokuba wayebizwa lo mntu unguGeorge Grey (kukuwe ukumbiza Sir George Grey)
uyakrokreleka kwisihelegu sikaNongqawuse ngenxa yezinto awazibhalayo
nawazithethayo phambi kokuba kuvele imibono le kuthiwa uNongqawuse wayibona.
UNgwevu wayefuna ukudala imfuneko emntwini ontsundu yokufuna ukusebenzela umntu
omhlophe. Kwakufuneka ke kudalwe indlala emntwini ontsundu.

Namhlanje, kwinto
engaphaya kwenkulungwane enesiqingatha sedlula esisiganeko imivuka yaso
isabonakala, isasisinda isizwe esintsundu.

Namhlanje kukho
iintetho ngeentetho eziwayo malunga nokukhululwa kwelizwekazi iAfrika
engqondweni kumatyathanga obukoloniyali.

Ndinombuzo osoloko
undihleli engqondweni: Ngubani oxhamlayo ngobukho bosuku lonyaka ekuthiwa
yikrisimesi? Asindim. Asingobazali bam, kunjalo nje nokuba bangaze bathi kum
ininzi into abayizuzileyo ngenxa yokuba kusibakho usuku oluyikrisimesi enyakeni
ndingabaphikisa. Abelulanga ke ukuphikiseka, ingakumbi umama. Iminyaka
balulungiselele olusuku bona. Ukuqala ekuthengeni ezompahla zekrismesi
zabantwana, ukuya ekuhlaziyeni umzi ukuze ukhangeleke umhle ngalo mhla, ukuya
kuma ngokuthenga igusha ezakuxhelwa ngalo mhla. Akukho nto imbi kulento xa
iintsiba zakhe ubani zivuma. Mhlawumbi ngenene akukho ngxaki. Masiqwalasele.

Inyaniso mna
endiyaziyo kukuba le nkcubeko okanye oku kwenza la malungiselelo kuphambukele apha
eAfrika. Ukuba ubani uyandiphikisa kungenxa yokuba kudala yafika ide yaqheleka
ngokunga yeyalapha. Abamhlophe abafikayo beze kunwenwisa ukholo lobuKrestu
bafika zikho iindleko ababengena kuzo abaNtu ngenjongo zokunqula. Bazilwa
ezondlela kangangoko banako bezigxeka bezigxibha bezenyelisa lo gama baqaqambisa
ezo bafike nazo. Bafundisiwe ke abaNtu abantsundu ukubaluleka kokulungiselela
usuku lwekrisimesi. Ngubani oxhamlayo ngenene ngobukho balo mhla?  NguYesu Krestu lo waseNazarethe? Uzuza ntoni
yena? Kubhiyizelwa usuku lokuzalwa kwakhe? Mhlawumbi.

Mna into
endiyibonayo eyenziwa lolusuku, ndawonye nezinye iintsuku ezikhethwayo zibekwe
bucala ukuze ziqatshelwe zibhiyozelwe kukwakha imfuneko ekhethekileyo kubantu
esingabo. Nje ngokuba xa ungacacelanga kutya athi ugqirha uzakukunika iipilisi
zeappetite. Utsho unqwenele ukutya ke
emva koko.

Ukuba siyavumelana
ngale nto yokukhululwa kweengqondo zamaAfrika kwimbophelelo yamaKoloniyali
kutheni ke amatyathanga eqiniswa ngakumbi? Singaphikisana ngalo mba
ndiqinisekile kodwa andiqinisekanga ukuba ngelithini. Mandiphinde ndibuze:
Yintoni eseleyo ngoku kwizinto iAfrika eyayinazo? Izinyanya azihlelanga ndawo
kukuthukwa ngamaAfrika awathabatheka bubuKrestu okanye bubuNtshona. Mninzi apha
phandle umntu ofundekela athi masibuyeleni eMbo. Ukothuswa zezizinto asikokothuswa
bubukho bazo koko kukothuswa bubungangamsha bezinye ngaphezu kwezinye.
Ziqaqambile izinto ezifikayo kweli, ingakumbi apha eMzantsi Afrika.

Xa uvuma ukudleka
ulungiselela umhla weKrisimesi uthatha le mali uyifumene kulo ukuqashileyo uye
nayo komnye lo uneshishini elivelisa iimpahla enxitywayo uthengele abantwana
bakho, wandule ukuya kulowo uneshishini lokuvelisa ukutya uthenge izimuncumuncu
ocinga ukuba zakubonwabisa abantwana bakho ndawonye nezihlobo. Phaya ekuqaleni
ubuthenge kulowo uneshishini elivelisa ikalika nepeyinti ukuze wenze umzi wakho
ubemhle. Kaloku ukucwangciswa kobukoloniyali kucwangciselwe ukuba zonke
iimveliso neendlela zemveliso zihlale esandleni sombopheleli (umkolonayizi lo
ungumlungu) kunjalo nje nakwizizukulwana ezizayo lo gama lo ubotshelelweyo
ahlala engumthengi ozakuphuhlisa umvelisi.

Le mihla
ingooKrisimesi, Valentines Day, Mother’s Day njalo njalo idala imfuneko yokuza
kuthenga. Amakhadi eminqweno emihle aveliswa ngubani? Abhalwe ngolwimi
lukabani? La matyathanga aqhinishelwe kuthi iinkulungwane ngeenkulungwane kwaye
ukuwakhulula akuyi kubalula. Kudalwe kuthi inkcubeko entsha kwaze kuthi
sazikhulela isizathu sokuyikhusela. Siyazithethelela ngokukunganquli izinyanya.
Siyazithethelela ngokungathethi iilwimi zethu zendalo kwaye simthela nqa umntu
okhuthaza ukuba kufundiswe ngazo. Sithenga umthi wekrisimesi odanyazayo njalo
njalo.