Zivele ingoma kaLynch iphum’ embizeni

Imvumi uLynch ekunye noBusie Smith ngethuba kumanyelwe ingoma yabo entsha eJeffs Place eMdantsane Umfanekiso: BHEKI RADEBE

ULWESINE umhla we9 kweyeThupha ngumhla wokuqwalasela uSuku lwamaNina, kodwa kwicala lezolonwabo nomculo lusuku lokukhutshwa kwengoma ethi ‘Walking Away’.

Le yingoma eveliswe nguLuyanda Taki waseMdantsane, nowaziwa njengoLynch ekunye noBusisiwe ‘Busie’ Smith.

Abomculo kuquka neli phephandaba bebebizelwe eJeff’s Place eMdantsane ukuze bazivele le ngoma, babenako ukugxeka okanye bancome.

IiDJ nabavelisi bomculo abe belapho bavumelene ngamxhel’ umnye ukuba ngokwenene, iWalking Away ephekwe kwakunyaka ophelileyo, ivuthiwe, kwaye ilungele ukuphakwa.

Ingoma ibalisa ngomntu oye athabathe isigqibo sokuhamba kuba ekruqukile okanye eziva engoneliseki bubudlelwane akubo.

“Sinemisebenzi esikhuphayo endlwini siye kwiindawo ngeendawo, kodwa xa ubuya ibe ngathi ubuyokwenza imikhwa – umntu ngenxa yempatho okanye iziganeko aphele esoyiswa ehamba,” kubalisa uLynch.

ULynch uthi bakhethe ukuyikhupha ngoSuku lwamaNina lengoma kuba bebonisa intlonipho kuwo kwanokungqamana kwengoma nobomi abadlula kubo.

Amazwi ale ngoma aculwa linenekazi lasePhumlani uBusie Smith. USmith waziwa kakhulu ngokubhala ingoma kaBerita ethi ‘Thandolwethu.’

ULynch, noshicilela phantsi kweSNH Productions, waziwa ngeengoma ezifana noThandiwe, Lonely Nights, uHleli Nam noMamela.

ULynch noBusie bakwadize ukuba baza kube besenza ividiyo yale ngoma ngoLwesihlanu umhla weshumi.

Ingoma iza kube ifumaneka kwimithombo yeminatha yokuthenga iingoma.