Wagqama uShaka elizweni lonke, kuGqeberha, The Empire basakraya amagama esiXhosa!

Inkululeko esinayo kunzima ukuqiniseka ukuba yiyo na le abantu ababethenjiswe ngayo. Ndazi kakuhle ukuba loo mazwi akemnandanga emntwini owalwela ukukhululeka komntu omnyama phambi kuka1994. Andithandi ukuthunuka iintliziyo zabo – kodwa indlela esenza ngayo izinto imbi.

Emva kokukhululwa koMzantsi Afrika, zininzi izinto ezintle esizifumanayo thina bantu abamnyama noxa ubomi bethu bungekaguquki ngokupheleleyo. Ekufikeni kwenkululeko, kwavuleka amathuba kumacandelo ohlukeneyo elizweni jikelele. Kwicandelo lolonwabo nobugcisa, ababhali abamnyama bafumana ithuba lokubhala nokudidiyela imidlalo kamabonakude.

UGenerations kaMnu. Mfundi Vundla ngomnye wemidlalo eqale nokufika kwenkululeko eMzantsi Afrika. Emva koko kwathi tshitshilili imidlalo ebhalwe ngabantu bethu kwatsho kwaqeshwa nabantu abantsundu ngobuninzi. Kodwa kulo mtyhi owavelayo, kusoloko kukho isikhalo ngenxa yendlela ababhali abamnyama abawabhala ngayo amabali asekelezwe kwintlalo yethu.

Bagxila kwizinto zesondo, ukusetyenziswa kweziyobisi nobundlobongela kuba zithengiseka lula ebantwini. Xa kuthe kwakho obhala ngembali yezizwe ezimnyama, uye ubone ukuba kwenziwa nje uphelasonwabe wento engabhadlanga. Ewe, zizinto ezikhoyo entlalweni yethu – kodwa ingxaki yam nababhali abamnyama kukuseyelisela ezintweni ezimbi.

Nakubeni sikhona isikhalo ngokungafuni kwabo ulwazi olungaqinisa umsebenzi wabo ababhali bethu – kodwa eyona nto esoloko, indophula umphefumlo kukungasetyenziswa kakuhle kweelwimi zabantu abamnyama. Phantse bonke ababhali abamnyama basabona isiNgesi njengolwimi lokubalisa amabali nokuba enzelwa abantu abamnyama. Iilwimi zethu zithethwa ngeSingesi.

Ngethamsanqa lethu, kuthe kwakuvela isitishi samabali ekuthiwa nguMzansi Magic, kwatsho kwaqala kwakho ukukhanya kancinci. UMzansi Magic, ophantsi kukaDStv, ugqamise amabali wethu enziwe kwiindawo zethu. Ibali elithi “The Queen” ndalithanda ngoba bekusetyenziswa iilwimi ezahlukeneyo kulo.

Noxa umgangatho wesiXhosa ubuphantsi – kodwa ubunazo iindawo ezikhethekayo kuThe Queen. Endaweni kaThe Queen kufakwe uGqeberha: The Empire – umhlola womdlalo ontlakiweyo ngathi wenzelwe abantwana.

Abadlali bawo abakwazi ukuthetha isiXhosa. Andikakholelwa nangoku ukuba uRhulumente waseMpuma Koloni unike inkampani yaseLimpopo imali ukuze yenze ibali laseGqeberha – kodwa ingakugqamisi ukubaluleka kokusetyenziswa kwesiXhosa esifayo.

Yonke into enesiXhosa kweli phondo lethu, isengelwa phantsi ngoba kukho abantu abacinga ukuba isiNgesi lulwimi oluza kubakhulula emakhamandeleni obomi lubangenise nasezulwini.

Umntu ozama ukulungisa indlela ekuthethwa ngayo isiXhosa kumabonakude, uhlanganyelwa ngezithuko ngamaNgesi amanyama. Kubo ibangathi ufuna ukoxutha umsebenzi ebantwini babo ngoba sisisizukulwana esiphuncukwe yingqiqo nokuzihlonipha.

Mhlawumbi yindlala ebangela sizigqwakaze izinto zethu kuba sifuna imali engena epokothweni. Okubaluleke kakhulu kumajelo eendaba (okanye awosasazo) nakubavelisi bamabali kukuhlonipha inkcubeka yabantu baloo ndawo.

Akukhathaliseki nokuba uyichasile na inkcubeko yabo – kodwa yiphathe ngesidima ukuze uhlonitshwe umsebenzi wakho. Yena uGqeberha: The Empire wangxanyelwa wabe usenziwa ngabantu abangakhathaliyo.

Unabalinganiswa abadala futhi abakwaziyo ukuthetha – kodwa abenziwe muncu ngokuthethiswa imvuthuluka yesiXhosa esithethwa ngabantwana abasakhasayo kuba kuthiwa kufuneka kuvakale ukuba ngabaseGqeberha.

Ibinokwenziwa lo nto – kodwa yenziwe kulinganiselwa ngoba into ebulala ibali elenzelwe thina ibulewe yindlela abathetha ngayo abalinganiswa, ngakumbi oyintloko.

Isixhobo sokubalisa ibali sinye jwi, lulwimi. Ukuvungama kwam nabanye abasikhathaleleyo isiXhosa, akuzalwa yintiyo yomsebenzi. Sonke siyafuna kusebenze abantu futhi kuveliswe izinto apha endaweni yethu – kodwa mazenziwe kakuhle.

Yindlela abalusebenzisa ngayo ulwimi enika abalanganiswa isidima nentlonipho xa bephakathi kwabantu. Sithe sisajikajikana noGqeberha kwathi gqi umdlalo wesiZulu ekuthiwa nguShaka, Ilembe! Ngumdlalo owenziwe kakuhle ngesiZulu ofike wamonyelisa uGqeberha ongathi wenziwe yimiqheliswa ephuma esikolweni.

Uphelile uShaka, Ilembe – kodwa ushiye iinkumbulo ezingacimiyo ezingqondweni zabantu ngoba wenziwe kakuhle, ngesiZulu sodwa usenziwa ngabantu abayihloniphileyo imbali yamaZulu. Uye wathi thaa okwelanga liphuma uShaka, Ilembe, wavele wonyeleka uGqeberha ngoba amaXhosa ngabantu abangameli nto eyeyabo.

Into abayaziyo kukurhugula zonke izinto ezigqithayo ngoba baqhathwa kwathiwa inkcubeko iyaguquka xa bekhusela ukwamkela kwabo inkcubeko yabamhophe engaguqukiyo kodwa iphila phakathi kweenkcubeko zabantu abamnyama.

Akwaba uRhulumente, uMzansi Magic nabadidiyeli bemidlalo bangayiqwalasela ngokutsha indlela ekusetyenziswa ngayo iilwimi zabantu abamnyama. Ukwaphulwa kweelwimi zethu kumabonakude nakumajelo osasazo kuyasintama ukuba singabantu abangazihloniphanga. Ndibalula ezo ndawo ngoba abantu bafunda kuzo izinto ezininzi ezenzeka ebomini babo.