Amakhosi aqhwatywe ngamaphiko ziiNyoni zaseDube kwalusizi

Iintliziyo zabalandeli beKaizer Chiefs zonzakele emva kokuba ebethwe ngamaphiko ziiNyoni eziphumelele ngo’1-0 emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eDobsonville Stadium namhlanje ebusuku. Ngoku iSwallows ithe ngcu enkcochoyini yeDStv Premiership emva kokubetha Amakhosi angaqhubi kakuhle konke konke kule isizini.

UJoseph Mhlongo, obeqala ukudlala namhlanje, liqhawe leSwallows kwaye uyakuhlala kwimbali yebhola ephakathi kwamaqela aseSoweto. UGavin Hunt usebenzise abadlali abadlale emdlalweni ophele ingu’2-2 phakathi kweChiefs neGolden Arrows ngempelaveki egqithileyo. Umdlalo ububambene ekuqaleni kubonakala ukuba alikho iqela elifuna ukulahlekelwa. UPhilani Zulu noLeonardo Castro abakwazanga ukusebenzisa amathuba avelileyo kwisigaba sokuqala.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla. Lo nto ibancedile abadlali beSwallows ngoba ibanike amandla okulwa emdlalweni. Umdlalo uye watshintsha kwesesibini isigaba emva kokuba iSwallows ifake abanye abadlali. Omabini amaqela asukelene. UKhama Billiat noBernard Parker abakwazanga ukusebenzisa ithuba elidalwe nguKgotso Moleko ogqithe kunozinti ongakwazanga ukubamba ibhola kakuhle.

Amakhosi onzakaliswe nguMhlongo ofake igowuli sekushiyeke imizuzu emihlanu kuphela. Bazamile abadlali beChiefs ukuhlasela – kodwa yabe ivale mba iSwallows emva. Noxa isuka kwiGladAfrica, iSwallows iphumelele imidlalo emithathu yonke futhi ayikabethwa kwemihlanu esele iyidlalile kule sizini. Emva kwayo kulandela iMamelodi Sundowns ne-Orlando Pirates ezinemidlalo emine.

Swallows: Vries, Mere, Hlanti, Letlabika, Ngcobo, Mokoena, Seabi, Mthethwa, Thibedi, Gamildien, Mbokoma.

Amalalela: Tshabalala, Mosadi, Mahlatsi, Matlaba, Makhanya, Basadien, Nyatama, Mhlongo, Khupe.

Chiefs: Khune, Moleko, Cardoso, Mphahelele, Ngezana, Zulu, Katsande, Ngcobo, Manyama, Castro, Billiat.

Amalalela: Akpeyi, Sasman, Agay, Parker Zuma, Ntshangase, Blon, Sifama, Matsheke.