Lifunyenwe lidada egazini ixhegwazana libhubhile

Ilali yakuMxaxa eNgqushwa ithi isehlo sokuhlaselwa kubulawe ixhegwazana ngethuba lilele lodwa emzini walo kula lali, sisiganeko sokuqala sisenzeka elalini yabo kwaye oku kusabothusile.

Oku kulandela emva kokuba umama osele ekhulile uNomvaba Luzipho onamashumi asixhenxe anesithandathu (76) ebhaqwe sele ebhubhile, edada kwichibi legazi phantsi ngakwibhedi yakhe. Ingxelo ithi uLuzipho uhlala yedwa ekhayeni lakhe nanjengoko abantwana bakhe bezizamela imisebenzi eBhayi.

Uceba wala mmandla uMlungiseleli Luzipho uthi sele bethembele kumapolisa ekubeni kubanjwe izihange ezo zihlasele eli xhegwazana.

Esi siganeko senzeke ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga ephelileyo.

Uceba uthi ixhoba libhaqwe ngosuku olulandelayo ukuba lihlaselwe. “Utatomncinci ukhwazile akwasatyelwa, okwesithathu wangena ngaphakathi esangweni apho afike ucango luwe phantsi kubonakala ukuba likhatywe ngenkani.

Xa sele ephakamisa amehlo wabe sele ebona umbono ombi, sele libanda ixhoba.

“Besicinga ukuba uhlatyiwe sibona amanxeba emzimbeni kanti udutyulwe kuba amapolisa akhuphe iimbumbulu emanxebeni,” utshilo uLuzipho.

ULuzipho uthi nokuba umntu omdala sele ehlala yedwa oko akuthethi ukuba makabe lixhoba lokuhlaselwa zizihange.

Uthi esi isiganeko bafuna ibesesokuqala kwaye ibesesokugqibela eMxaxa. Ilungu losapho lwexhoba uSahlulelo Luzipho, uthi basaxhelekile sesi sehlo kwaye iintliziyo zisebuhlungu.

Amapolisa aseNgqushwa alivulile ityala lokubulala kwaye ayaqhuba nophando lwawo.