IBloem Celtic neChippa United ziqengqe iqanda eDr Molemela Stadium

UDaniel Akpeyi ngunozinti weChippa United Umfanekiso: BackpagePix

Iphinde
yafumana inqaku elinye iChippa United kwakhona emva kokuba umdlalo obuphakathi
kwayo neBloemfontein Celtic uphele kungekho eliphumeleleyo. La maqela mabibi
axikixene kwanzima kumdlalo we-Absa Premier Soccer League namhlanje ebusuku eDr
Molemela Stadium. Into aye eyifuna la maqela omabini emdlalweni yimpumelelo
ukuze aqinise iindawo zawo kwiTop. Emva kokudlala ntanganye, iChippa United
ihleli kwindawo yesixhenkxe emva kokuqokelela amashumi amathathu anesihlanu
amanqaku kwimidlalo engamashumi amabini anesixhenkxe – kunjalo nakwiCeltic
ehleli kwindawo yesibhozo.

Nangoba
iiChilli Boys bezikhe zabetha iKaizer Chiefs ngo’3-0 kutshanje – kodwa lo
ngumdlalo wesibini zingaphumeleli emva koko. Kwiveki ephelileyo iChippa yoyiswe
kukubetha i-Ajax Cape Town kumdlalo obuseNelson Mandela
Bay Stadium. Nangoba kunjalo, eli qela laseMpuma Koloni liza kuzamkela iziphumo
zomdlalo wanamhlanje linethemba lokuqhuba kakuhle xa lidibana neSuperSport
United kumdlalo wePSL ozakube useSisa Dukashe Stadium ngentsimbi yesithathu
ngoMgqibelo.

  

Bloemfontein Celtic: Tignyemb, Letsoalo, Rikhotso, Ndengane, Gordinho,
Dlamini, Motshegwa, Baloyi, Hotto, Phalane, Nyundu.

Amalalela:
Dambe, Shikweni, Mabasa, Masuku, Mashikinya, Lubisi, Maema.

Chippa United:
Akpeyi, Macheke, Nsabiyumva, Okwuosa, Mako, Rakhale, Mabaso, Sali, Mayambela,
Lentjies, Mashego.

Amalalela:
Mothwa, Mbenyane, Bergman, Manqele, Mntambo, Mdlinzo, Modisane.