Isidumbu kwingxabano ngebhinqa eZibunu

Amapolisa akuCentane aphanda ityala lokubulala emva kokubhubha kwendoda eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo ubudala kulandela ukuhlatywa yenye indoda kumlo ophenjelelwe kukubambelana ngebhinqa, ngokokutsho kwamapolisa. Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha, uthi esi sehlo senzeke kwilali yaseZibunu eNgqusi kuCentane ngomhla wokuqala kwale nyanga.

UManatha uthi kurhaneleka ukuba la madoda mabini, alinganayo ngokweminyaka, ebebambelene kwibhinqa elinye.

“Umrhanelwa ukhuphe imela wahlaba ixhoba kumzimba ongentla. Le ndoda ihlatyiweyo ikhe yazanywa ukusiwa kwisibhedlele saseTafalofefe kodwa yabhubha xa iza kufika esibhedlele. Umrhanelwa uye wabanjwa, wabekwa ityala lokubulala,” utshilo uManatha.

Umrhanelwa bekulindeleke ukuba avele phambi kukamantyi wenkundla yakuCentane ngoLwesibini wale veki. KwakuCentane njalo, amapolisa ale dolophu abambe indoda eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ngezityholo zokudlwengula intwazana eneminyaka engamashumi amabini kwilokishi iSisonke ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga yoKwindla.

“Ixhoba belilele, lothuswa yile ndoda ilidlwengula. Ukwazile ukumbona umrhanelwa ze amapolisa amkhangela ambamba ambeka ityala lodlwengulo,” utshilo uManatha.

Umrhanelwa bekulindeleke ukuba avele phambi komantyi wenkundla yakuCentane ngoLwesibini wale veki.