Inikwa umkhonto ngokusesikweni ingcibi yaseXesi

Ubukhosi bakwaMhlambiso eMkhobeni eXesi bunikise ngomkhonto kwingcibi yala ndawo, buvuselela isiko elidala lokukhokela kwekomkhulu kwisiko lokwaluka.

Ingxelo yekomkhulu ithi uNdodomzi Gquzawe sisicaka sekomkhulu esizalwa likhaya leengcibi. UNkosikazi Siphiwe Nosizwe Mhlambiso uthi konke oku kwenziwa ngeenjongo zokubuyisa isidima sesiko lokwaluka.

“Umkhonto wokwalusa kudala ukhona kwela khaya, uyisemkhulu walo mfo wayeyingcibi yezi lali, likhaya ke eliza kumnika umkhonto, thina singamangqina aququzelele umcimbi lo, ” ucacise watsho uMhlambiso.

Ingcibi yokugqibela kweli khaya uNdevuzibomvu Gquzana wabhubha ngonyaka ka1967, kwaye akuzange kubekho bani uthatha lo mkhonto emva kwakhe, itsho ingxelo.

“Uza kwamkela lo mkhonto eqhubela phambili umcimbi wokukhusela abantwana abaseSuthwini, kudala engumququzeleli wethu kwimicimbi yolwaluko,” uthethe watsho uMhlambiso.

Ukuphuncuka kwesiko lokwaluka kumakomkhulu eli kubangele iingxaki ezisaxake nanamhlanje eMpuma Koloni.

Ingcali yamasiko nezithethe uLoyiso Nqevu uyangqina ukuba ikomkhulu linegunya lokukhokela umcimbi wokunikwa kwengcibi umkhonto.

“Ngaphambili isiko lokwaluka belikhokelwa likomkhulu, iingcibi neembongi ziyalinikwa eli wonga likomkhulu nabanye ke abantu abazibaluleyo ekuhlaleni ngemicimbi ethile, ngenene bavuselela isiko lakudala,” utshilo uNqevu.

Uthi kudala amakhwenkwe ebengaluki ngaphandle kwemvume yekomkhulu kukhangelwa izinto ezithile.

“Amakhwenkwe eelali ebelinda inkwenkwe yakomkhulu ide ibendala aluke ekhapha yona, linegunya lokulawula ikomkhulu kumcimbi weengcibi, nangona umkhonto lo ungowelo khaya,” utshilo uNqevu.

UMlawu Tyatyeka uyalingqinela eli komkhulu ngelithi akukho nto ityhulu ngentathonxaxheba yekomkhulu kumcimbi womkhonto wengcibi. Uninzi lweengcibi zangoku ayaziwa imbali nemvelaphi yobungcibi bazo, isiko lokwaluka libolile zingxaki zokulimala nokubhubha kwabantwana.

“Ukwalusa sisiphiwo somntu lowo, asinanto yokwenza nobukhosi, kodwa isiko lona likhokelwa likomkhulu, ngoko ke ikomkhulu liyakwazi ukukhokela,ukulawula nokucebisa amakhaya azala iingcibi ngomakwenziwe,” uthethe watsho uTyatyeka.

Umbhali wakudala uMangindi Ncamashe wasemaTshaweni, uthi ngubani ingcibi engqinelwa ngabantu ngomsebenzi nangehambo yayo.

UNdodomzi Gquzawe uthi uza kuwenza ngaphandle kwengxaki lo mcimbi.

“Amadoda ekhaya lakwaGquzawe aza kugqithisa lo mkhonto ngokusesikweni ngokwenkqubo yabo yela khaya, singqine thina,” utshilo uMhlambiso.