Temba Bavuma: Asiyoyiki iAustralia

UTemba Bavuma weProteas umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Umdlali oqhokrayo, uTemba Bavuma, ukujonge ngamehlo abomvu ukudlala ne-Australia kwaye uthi uMzantsi Afrika awuyoyiki tu i-Australia.

Le ndedeba yakwaBavuma isabhilwa-bhilwa ngoogqirha emva kokonzakala esandleni anethemba lokuba siza kuphila kungekudala.

UBavuma uphosiwe yimidlalo ebiphakathi koMzantsi Afrika nelizwe lase-India – kodwa unethemba lokufumana imidlalo yocweyo anokuthi azilolonge kuyo phambi komdlalo ophakathi kweProteas ne-Australia ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo.

La mazwe mabini kulindeleke axhwithane kwimidlalo yovavanyo emine – owokuqala ungomhla wokuqala wenyanga ezayo eThekwini.

“Ndiyakunqwenela kakhulu ukufumana umdlalo kwiveki ezayo ukubonisa nje ukuba ndikulungele ukudlala. Umdlalo wethu ne-Australia mkhulu kakhulu, akukho mntu ofuna ukuya kuwo engazilungiselelanga kakuhle. Ukuba ndingafumana umdlalo kwiveki ezayo, lo nto ingandinceda ndibonise abangasentla ukuba ndiphilile. Ngoku ndiziqeqesha ngokubetha ibhola yegalufa kwaye iyandichulumancisa inkqubela endiyenzileyo,” utshilo uBavuma.

UBavuma wayengomnye wabadlali abathi bazenzela igama ngokudlala kakuhle kwiminyaka emibini edlulileyo kutyelelo lwase-Australia.

Le ndedeba inethemba lokuba iyakuthi ikwazi ukubamva iliso labachongi nangona ibeke yakhathazwa kukonzakala.

“Kufuneka siqinise indlela esijula ngayo iqakamba ngoba yeyona nto isisebenzelayo leyo emidlalweni. Ukubetha izinti yeyona nto sithembele ngayo kwaye sizimisele ukuyiqinisa lo nto. Xa ndifumana ithuba, ndiyaqinisekisa ukuba ndiyalisebenzisa ngokupheleleyo,” utshilo uBavuma.

UMzantsi Afrika ubhulelwe amasaka yi-India ngo’4-1 kuchunge-chunge lwemidlalo eliqela phakathi kwala mazwe.

Kumdlalo obuse-St George’s Park, eBhayi, AmaNdiya abethe iProteas ngemitsi eyi-73 atsho aphumelela okokuqala eMzantsi Afrika.