Inguqu kubomi beembethi manqindi

Umthelekisi ophume izandla waseMdantsane, uLuyanda Kana, ukholelwa ukuba lubizo lwakhe umdlalo wamanqindi.

UKana ngomnye wabachongelwe amawonga kumnyhadala wamawonga ozakubanjelwa kwiholo laseBoardwalk, eBhayi, ngoLwesihlanu.

“Ndikhulele kwikhaya leembethi manqindi, nangona ndingazange ndiwadlale ixesha elide mna. Ndiyawuthanda umdlalo wamanqindi,” utshilo.

UKana uchongelwe iwonga lokuba ngoyena mthelekisi ubalaseleyo kunyaka ka-2017, uzakukhuphisana nendoda eyaphumelela eli wonga kunyaka ophelileyo uReuben Rasoli kunye nomthelekisi osakhasayo, * -Abbey Mnisi.

Nangona iyinto entle ukuphumelela amawonga, uKana uthi akumdanisa ukubuya eBhayi elambatha.

“Kubalulekile ukuphumelela amawonga. Ukungaliphumeleli akundidanisa kakhulu,” utshilo uKana.

Bakhala kakhulu abalandeli bamanqindi ingakumbi abaseMonti emva kokuba uKana engaliphumelelanga eli wonga kunyaka ophelileyo.

Le ndedeba ineminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu seyithelekise iimbethi manqindi ezingaphezulu kumakhulu amabini, yaye izimisele emsebenzini wayo wokuguqula ubomi beembethi manqindi.

“Ndizakuhlala ndizama kangangoko ndinako ukuncedisa ekuguquleni ubomi beembethi manqindi,” uvale ngalo mazwi uKana.

isibhalo@inl.co.za